USikho Nqothole yintshatsheli kwakhona emva kokuphumelela ngempelaveki edlulileyo
Image: Facebook
Kumnandi kakhulu kuSikho Nqothole emva kokuzuza impumelelo ebalulekileyo ngempelaveki edlulileyo. Oku kulandela ukubetha kwakhe uReymark Alicaba emlweni obuphambili kwitumente yamanqindi ebibanjelwe eCarnival City, eBrakpan.
Njengokuba iimbethimanqindi zasePhilippines zidume ngokunyamezela nobuchule xa kusiliwa nezamanye amazwe, uNqothole uphumelele yonke imijikelo elishumi ngendlela encomekayo. Bekunyanzelekile kwelinye icala ngoba amehlo onke ebekuye.
Le mbethimanqindi yaseMthatha iphumelele ngolu hlobo: 100-90, 100-90 no110-91. Bonke abagwebi bathe iphumelele ngaphandle kwamathandabuzo. Yinto enkulu le kuNqothole owafuduka eMpuma Koloni waya kwiphondo laseGauteng - apho ancedwa khona ngabantu abafana noColin Nathan.
Ngoku usesitalini esizawo jikelele ngokuvelisa iintshatsheli zehlabathi. Lo nto iyamnyanzela ukuba akhwele eqongeni esazi kakuhle ukuba kufuneka enze umsebenzi oncomekayo. Uvumile emva komlo ukuba bekunzima.
"Akululanga konke konke phaya eqongeni. Kodwa ndibulela uThixo ondinike Amandla okulawula umlo," utshilo uNqothole ekulindeleke ukuba anyukele ngasentla kumanqwanqwa amanqindi ehlabathi emva kokuphumelela kakuhle.
Wenze ngendlela ebethembise ngayo phambi komlo. Akamnikanga nelincinci ithuba lokufumana amanqaku amahle uReymark Alicaba oze eMzantsi Afrika enethemba lokuphumelela emva koko abuyele ekhaya exwaye ibhanti. Komnye umlo omkhulu, uFrank Sotomela uphumelela emva kokubetha uTheo Xhayimpi emlweni we-IBF.
Naye uSotomela ngowaseMthatha ngokuzalwa - kodwa uhlala eGoli. Emva kokuphumelela kakuhle emlweni wakhe, uSotomela ubulele uThixo nabalandeli bakhe abamnike inkxaso ngethuba esilwa noXhayimpi. Komnye umlo, uKatlego Khanyisa uphumelele naye emva kokubetha uLucky Monyebane.
Related Topics: