Ezemidlalo

UNabi nabaphathi bakhe baqale amalungiselelo esizini entsha

Pedro Mapelo|Published

UDr Kaizer Motaung esamkela indebe yeNedbank emva kwempumelelo ezuzwe yiKaizer Chiefs ekuqaleni kwale nyanga kaCanzibe.

Image: Kaizer Chiefs/Facebook

Umqeqeshi weKaizer Chiefs sele eqinisekile ukuba ukhangela abadlali abatsha. Oku ukuveze emva komdlalo wokugqibela weBetway Premiership obuphakathi kweChifes nePolokwane City. Umdlalo uphele amaqela ebambene ngeqanda ePeter Mokaba Stadium kwimpelaveki edlulileyo.

Ziziphumo ezo ezithathe iChiefs zayibeka ngaphandle kweTop-8. Abanye abalandeli abayithandanga into yokungabikho kweChiefs kwiTop-8 noxa ibingaqali kuNasreddine Nabi oyinike indebe yeNedbank ekuqaleni kwale nyanga.

Kwiiveki ezidlulileyo bekuthe tshitshilili iindaba ezithi uNabi uza kugxothwa yiChiefs ukuba ayikwazanga ukufumana indawo kwiTop-8. Abaphathi beChiefs bayikhaba lo nto ngelithi bonelisekile yindebe ekhoyo emva kwendlala yeminyaka elishumi - kodwa bathi baza kuhlalutya indlela iqela eliqhube ngayo kwisizini esongiweyo kwiveki ephelileyo.

UNabi, obengonelisekanga ziziphumo zomdlalo ogqithileyo, uxelele iintatheli ukuba udibene nabaphathi entlanganisweni ebiphambi komdlalo wokuvala isizini. "Sidibene nabaphathi noSihlalo weqela uDr Kaizer Motaung. Kwicala labadlali, siyazi kakuhle into efuna ukulungiswa," utshilo uNabi ophethwe kakubi kukungaphumeleli namnye umdlalo weBetway Premiership kwelithoba yokugqibela.

Amakhosi ebenengxaki enkulu yokulahla imidlalo elula. Ingxaki enkulu kukuswela umdlali ofaka amagowuli. Ezinye iingxaki eziyiphethe kakubi iChiefs ziquka ukungahlangani kwabadlali basemva, ukonzakala kwabadlali namakhadi amaninzi afunyenwe ngabadlali. "Andikwazi ukulichaza inani labadlali esibafunayo - kodwa abantu abanoxanduva lokukhangela abadlali benza umsebenzi wabo.

Sebethethile nabanye babadlali esibafunayo. Xa singafumana abadlali esibadingayo, ndiqinisekile ukuba iChiefs iza kuvelisa iziphumo ezibhetele," utshilo uNabi oye wacaphukela umbuzo othi kutheni iChiefs ingakwazanga ukubetha amaqela anabadlali abangekho semgangathweni ophezulu kwisizini ephelileyo.

"Lo mbuzo ngowabantu abangayiqondi kakuhle inkqubo yokuvuselela iqela," utshilo uNabi watsho ecacisa ukuba ufuna iChiefs edlala umdlalo obhetele.