Ezemidlalo

Kutheni uThabo September ekhethe ukuhamba kwiChippa United

Pedro Mapelo|Published

UThabo September ukhethe ukuzichitha iintente endaweni yokuthotyiselwa ngumnikazi weChippa United

Image: Pedro Mapelo/HONOR

Abantu abaninzi bebelindele ukugcinwa kukaThabo September bashiyeke bephoxekile emva kokuvakala kweendaba ezithi uza kuhamba kwinyanga ezayo. Ingxelo ngokuhamba kukaSeptember ithe gqi emva kokuba isizini isongwe iChippa United ingaphandle kweTop-8.

Belikhona ithemba lokuyifumana - kodwa iqela alakwazi ukuqokelela amanqaku oneleyo. Eyona nto yothuse abantu abaninzi kukuba uMnu. Siviwe Mpengezi wayethe uSeptember uza kuhlala nakwisizini elandelayo. Nangona iTop-8 iyinto amaqela amaninzi ayilwelayo - kodwa iChippa United yayigqibela eminyakeni emininzi eyadlulayo phantsi kukaDan Malesela.

UMpengesi ushenxise umqeqeshi nangona wayetshilo ukuba into ayifunayo kukuba iChippa United igcine indawo yayo kwiSoccer Premier League. Iyiqale kakuhle isizini egqithileyo iChippa United kusekho uKwanele Kopo. Wabaleka kwangoko yakugqwidiza engekatyhilizwa nguMpengesi owaziwo jikelele ngokugxotha abaqeqeshi kodwa uthengisa abadlali.

Ethetha neentatheli ekuqaleni kwesizini, uMpengesi wayibeka yacaca into ethi iChippa idlalela nje ukugcina igama layo futhi iza kuhlala ibathengisa abadlali bayo abaqaqambileyo. USeptember uye wakwazi ukuyigcina isendaweni ekhuselekileyo iChippa noxa engayifumanga iTop-8.

Kuthiwa ukhethe ukuhamba ngoba uMpengesi ebeza kumthobisela ayokuqeqesha iChippa edlala kwiMultiChoise Diski Challenge. Ukhethe ukuhamba uSeptember kunokunyamezela ukuhlazwa nguMpengezi ekwazile ukugcina indawo yeqela kwiPSL.

Ayikalikhuphi ilizwi iChippa United ngalo mba futhi akukacaci nokuba ngubani oza kuyiqeqesha ngoba isizini ivaliwe. Kodwa akhona amathuba okubona uMorgan Mammila ethatha iintambo okwesithathu. Yeyona ndoda uMpengesi ayinika umsebenzi wokuqeqesha akudinwa kukuvavanya abanye abaqeqeshi.

Akukho zinzo kwiChippa United ngenxa yokungahlali kwabaqeqeshi nokuthengiswa kwabadlali. Kungenzeka ukuba uStenley Nwabali noSinoxolo Kwayiba bakhokele abadlali abaza kuhamba kwiChippa phambi kokuqala kwesizini entsha.