Ezemidlalo

IMamelodi Sundowns iya ngamandla wayo onke eCairo!

Pedro Mapelo|Published

IMamelodi Sundowns iza kuvana amandla kwakhona nePyramids emdlalweni wesibini weCAF Champions League ngomhla wokuqala kwinyanga yeSilimela, eCairo.

Image: Itumeleng English Independent Media

Emva kokuba iMamelodi Sundowns ingakwazanga ukuphumelela umdlalo wokuqala, uMiguel Cardoso ulindele ukuba amakhwenkwe wakhe avelise iziphumo ezibhetele emdlalweni wesibini eCairo.

UCardoso uvakalise indlela aziva ngayo emva kokuba iSundowns ibambene ngegowuli elinye macala nePyramids emdlalweni weCAF Champions obubanjelwe eLoftus Stadium, ePitoli, kwimpelaveki egqithileyo. Abadlali bePyramids baphume bedloba okwamathole emva kokuba befumene igowuli emzuzwini wokugqibela emdlalweni.

IPyramids ifumene igowuli, kanye into ebiyifuna emdlalweni ogqithileyo ngoba liyinika amandla phambi komdlalo wesibini. Okwayo ngoku kukukhusela igowuli elifumene ePitoli itsho ifumane indebe. Kanti kwelinye icala, kunyanzelekile iSundowns idlalele ukuphumelela emdlalweni weCAF Champions League wesibini oza kudlalewa e30 June Stadium ngorhatya (19:00) ngeCawe.

Umqeqeshi weSundowns usenalo ithemba lokuhle kwiqela lakhe - kodwa ukuqonda kakuhle okujamele iqela lakhe emdlalweni wesibini. "Iintshatsheli zokwenene zibonakala mhla kukubi. Zona zivuka zime ngenyawo naphantsi kweemeko ezinzima. Sisenomnye umdlalo endicinga ukuba kubalulekile ukufumana igowuli kuwo," utshilo uCardoso emva komdlalo obusePitoli.

Igowuli elifakwe nguLucas Ribeiro liyinike ithemba iSundowns kwade kwafakwa igowuli yiPyramids. Kubekho imibuzo ngokungadlaliswa kukaThemba Zwane emdlalweni ogqithileyo kuba engomnye wabadlali abambalwa abanamava nababekhona ngo2016, unyaka iSundowns eyaphumelela ngawo indebe yeChampions League.

"Bonke abadlali bebefuna ukudlala - kodwa kufuneka simkhusele uZwane. Sicinge ukuba abadlali esibadlalisileyo bebekulungele ukudlala. Izinto ezimbi ziyenzeka ke ebholeni ekhatywayo. Ukuba bekungafakwanga igowuli kuthi, wonke umntu ngethetha kamnandi ngomqeqeshi.

"Ithuba elinye ebhokisini yethu lisonzakalisile ngoba umdlalo ubuphethwe sithi. Igowuli lePyramids liguqule yonke into. Okwethu kukuya phambili futhi siqinisekise ukuba abadlali bakhuthazekile phambi komdlalo wesibini," utshilo umqeqeshi.