UMusa Lebusa uthi iMamelodi Sundowns ikulungele ukuqubisana nePyramids emdlalweni weCAF Champions League emalanga ngoMgqibelo, eLoftus Stadium.
Image: Facebook
Umdlali wasemva kwiMamelodi Sundowns, uMosa Lebusa, uthi banayo indlela abaza kumgada ngayo uFiston Mayele oyingozi kwiPyramids. Oku ukuthethe phambi komdlalo omkhulu weCAF Champions League oza kube uphakathi kweSundowns nePyramids ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqiblo, eLoftus Stadium.
La maqela mabini aza kulwela eyona ndebe yexabiso eAfrika emdlalweni wokuqala ePitoli. Owesibini kulindeleke ukuba udlalelwe eYiphutha phambi kwabalandeli bePyramids. Abadlali beSundowns kufanele bazame ngazo zonke indlela bambambe uMayele ngoba uyingozi kakhulu.
Wanceda iPyramids ngamagowuli amabini ngethuba ibetha iPirates emdlalweni ogqithileyo weCAF Champions League. ULebusa uthi nangona iSundowns ingazukugada umdlali omnye - kodwa inayo indlela eza kuqubisana ngayo nefolosi eyingozi yePyramids.
Ommabini amaqela aya emdlalweni wokuqala efuna ukuphumelela ukuze avale amazibuko emdlalweni oseCairo. "UMayele ngumdlali osemgangathweni ophezulu - kodwa iingqondo zethu asizibekanga emdlalweni omnye," utshilo uLebusa ethetha neentatheli eChloorkop. ULebo, 30, ngomnye wabadlali abadala kwiSundowns futhi onganikwa uxanduva lokugada uMayele.
"Sizimisele ukuyigcina kude iPyramids kwiindawo eziyingozi emdlalweni ngoba asifuni ifumane amathuba. Siyamazi uMayele uyingozi ebhokisini - kodwa Sinethemba lokuphumelela emdlalweni," utshilo umdlali weSundowns ephumelele indebe yeBetway Premiership kule veki.
Related Topics: