Ezemidlalo

UMelikhaya Frans wenze adume ngazo kwiRimi Riga Marathon!

Pedro Mapelo|Published

UMelikhaya Frans ubuyele eGqeberha encumile emva kokuphumelela iRimi Marathon ngendlela encumisayo.

Image: Facebook

Enye yeembaleki eziphambili eMzantsi Afrika ibuyele ekhaya incumile emva kokuzuza impumelelo eLatvia. UMelikhaya Frans, 35, ushiye inqwaba yeembaleki wafumana indawo yokuqala kwiRimi Riga Marathon ebingeCawe egqithileyo.

Le mbaleki yaseGqeberha ifumene impumelelo kude nekhaya emva koubaleka ixesha eliziiyure ezimbini (2:13:20). Emva kwakhe uFrans kulandele uNguse Amslosom waseKenya obaleke iiyure ezimbini (2:13:26). Kanti indawo yesithathu ifunyenwe nguAnthony Kipchirchir Koech obaleke iiyure ezimbini naye (2:13:28).

UFrans yimbaleki yemigama emide ezimiseleyo kakhulu. Ngaphezulu kokuqhuba kakuhle kwimidyarho yeembaleki apha eMzantsi Afrika, kwiminyaka egqithileyo wazincama kwiLondon Marathon enomtsalane kwiimbaleki zehlabathi lonke.

Ukuzuza kwakhe impumelelo eLatvia akubothusi nakancinci abamlandelayo kwicandelo leembaleki. Emva komdyarho enze kuwo imbali, uFrans ubulele inkxaso ayifumana kumqeqeshi wakhe, uMike Mbambani, owaziwayo ngokuvelisa iintshatsheli.

"Ndifuna ukwenza umbulelo omkhulu kuwe mqeqeshi. Indima oyenzayo ibaluleke kakhulu. Inkxaso yakho yenza sikwazi ukuxhamla izinto eziluncedo kuthi siziimbaleki," utshilo uFrans obalekela Ikamva Athletic Club. Naye uMbambani uyincomile kakhulu imbaleki yakhe emva kokuzuza impumelelo kwimpelaveki egqithileyo.

"UMelikhaya yenye yeembaleki eziqeqeshekileyo endisebenze nazo kweli lizwe. Ndangena ebomini bakhe mhla walahlwa ngabantu bakowabo. Ekuqaleni kwam ndandineembaleki ezazichithwe kumaziko ophuhliso kuba ezinye zazingenayo iMatriki. Yonke into endiyenzayo ndiyakwazi ukugqiba ngoba ndingumntu onomonde," utshilo uMambani kwiTop Runner.

Konke oku kwenzeka uFrans ebekhe wasokoliswa kukonzakala okuye kwamthintela akakwazi ukuthatha inxaxheba kweminye imidyarho yeembaleki emikhulu eMzantsi Afrika. "Izinto khange zindihambele kakuhle kunyaka ophelileyo.

"Lo nto yenze andabinako ukuzithemba. Kodwa emva kokuqhuba kakuhle eKapa, ukuzithemba kuye kwafunquka," utshilo uFrans obeqhube kakuhle kwiCapital Marathon ekupheleni kuka2024 ebibanjelwe eGqeberha.