uDr Kaizer Motaung exhagwe nguNasreddine Nabi noYusuf Maart emva kokuba iKaizer Chiefs iphumelele indebe yeNedbank kwiiveki ezidlulileyo.
Image: KC/WhatsApp
Amaqela amaninzi adlala kwiPremier Soccer League aza kuvala isizini emalanga ngoMgqibela. Nakubeni indebe yeBetway Premiership ithathwe yiMamelodi Sundowns evale isizini ikwindawo yokuqala - kodwa kuninzi okusadlalelwa ngamanye amaqela.
Amanye aza kulwela ukuphepha izembe, logama isihlanu sonke samaqela siza kube sisilwela ukungena kwiTop-8. Phakathi kwamaqela asenomsebenzi wokungena kwiTop-8 kukho iKaizer Chiefs ebingaphandle nakwisizini egqithileyo.
Kwiveki ephelileyo iChiefs iphose ithuba lokunyukela phezulu kwakhona emva kokubambana neSekhukhune United ngegowuli elinye macala emdlalweni obusePolokwane. Ithuba lokungena kwiTop-8 lisekhona kwiChiefs - kodwa kunyanzelekile ukuba ibethe iPolokwane City emdlalweni wokuvala oza kube useFNB Stadium.
Ethetha emva komdlalo ogqithileyo, uNasreddine Nabi uqinisekisile ukuba iqela lakhe liza kudlalela ukuzophula ukuze lingene nalo kwiTop-8 xa kuvalwa isizini. "Kunyanzelekile silwele amanqaku amathathu," utshilo uNabi emva komdlalo odlulileyo.
"Ngeke kubelula kodwa sinethemba lokubuya kwabadlali abanqunyanyisiweyo. Emdlalweni wanamhlanje, besingenalo ilalela elidlala emva. Mandibancome abadlali bethu ngoba balwile emdlalweni," utshilo uNabi othe lisekhona ithuba lokungena kwiTop-8.
Kwelinye icala, nayo iChippa United iza kulwela ukugcina indawo ekuyo emdlalweni wokugqibela. Ihleli kwindawo ndawo yesibhozo - kodwa iChiefs ifuthela emagxeni wayo. Kwidabi lamaqela aseLimpopo, iMarumo Gallants iza kulwela ukungena kwiTop-8 nayo xa idibana neMagesi FC emdlalweni wokugqibela.
Omabini la maqela alwile kakhulu kule isizini ngoba ebekhe anexesha elide engaqhubi kakuhle. Nayo iRichards Bay iza kulwela ukunyukela phezulu xa idibana neSuperSport United ejingelwa lizembe. Nakubeni isizini ivalwa - kodwa yona iPirates iseza kudlala kude kuphele inyanga ngoba isenemidlalo embalwa enayo ngenxa yeCAF Champions League ebikade ikuyo.
Related Topics: