Ezemidlalo

USimbine ogqwese kwi100m eAtlanta City woyikwa lihlabathi lonke!

Pedro Mapelo|Published

Imbaleki yoMzantsi Afrika, uAkani Simbine, yeyona yoyikwayo ngoku kwihlabathi

Image: World Athletics

Kwiminyaka elishumi egqithileyo, kwicandelo lezeembaleki kugqugqise u-Usain Bolt waseJamaica. Emva kwakhe, uNoah Lyles waseMelika uye wathatha indawo yakhe - kodwa kwathi gqi uAkani Simbine waseMzantsi Afrika oxakileyo.

Ukusukela emidlalweni ye-Olimpiki ebikunyaka ophelileyo eParis, eFrance, imbaleki yoMzantsi Afrika iqhube kakuhle kakhulu kwi100m nakwirileyi. Ayikho imbaleki eyoyikwayo kwihlabathi lonke ngoku ngaphezulu kukaSimbine. Zonke iimbaleki zisebenzela ukushiya yena.

Emva kokuqhuba kakuhle kwiDiamond League kwiiveki ezigqithileyo, uSimbine uphinde wazibonisa iimbaleki zehlabathi ukuba inkunzi inye ehlabathi ngokuziqhumisela ngothuli eAtlanta City kwimpelaveki egqithileyo.

Ugqibe umgama oyi100m kwimizuzwana engaphantsi kweshumi (9.86) ngaphandle kokusokola. Oku kwenzeke emva kokuba noNoah Lyles engakwazanga ukubaleka ngenxa yokonzakala. "Ndibaleke nje kungekho xinizelelo kum," utshilo uSimbine engabilanga.

"Ndiyakonwabela ukubaleka kungeko nto endisindayo. Bendingalilindelanga ixesha endilibalekileyo," utshilo uSimbine ethatha namajelo eendaba. Kona kona ukungabikho kukaNoah Lyles kuwenze khaphu khaphu umsebenzi wembaleki yaseMzantsi Afrika.

"Ngelishwa ndiye ndanengxaki eqatheni okuqapheleke kwiiveki ezidlulileyo. Size apha Sinethemba lokuba ikhona into esingayenza - kodwa ke akubanga njalo. Kubalulekile ukuzikhusela kunokongeza ingxaki," utshilo uLyles ethetha neNBC News.

Emva kokuphumelela kwiveki ephelileyo, uSimbine ulandelwe yimbaleki yaseNigeria ekuthiwa ngu-Udodi Onwuzurike obaleke ixesha eliyimizuzwana engaphezulu kweshumi (10.05). Ngoku iSimbine nezinye iimbaleki zaseMzantsi Afrika ziza kulungiselela eminye imidlalo eza kube isekuthambekeni kwalo nyaka.

"Ndiza kugoduka emva koko ndiqale amalungiselelo wetumente enkulu," utshilo uSimbine obe yinxalenye yeembaleki ezinye ezufumene igolide kwirileyi emidlalweni ebiseChina kwiiveki ezigqithileyo.