Ezemidlalo

Ukuphumelela kwaMajita kugqamisa okwenziwa yiDStv Diski Challenge

Pedro Mapelo|Published

Amajita aphumelele indebe yeAfcon under-20 okokuqala kwiveki ephelileyo.

Image: CAF Image

Abuyele ekhaya Amajita encumile emva kokuphakamisa iAfrica Cup of Nations Under-20. Oku kwenzeke emva kokuba uMzantsi Afrika ubethe iMorocco ngegowuli elinye emdlalweni obungeCawe edlulileyo. Amajita ayivale itumente engabethwanga nakanye kwitumente yonke.

Ukubetha amazwe aquka iDR Congo, iNigeria neMorocco kubonise ukuzimisela kwawo Amajita aqale ukuzibonakalisa ngokuphumelela iCOSAFA U-20 Cup kunyaka ophelileyo. UKapteni weqela lesizwe ukuchaze okwenzekileyo njengento ekhethekileyo.

UPatrick Autata, odlalela iCape Town City, ukuthethe oku emva kokukhokela kakuhle Amajita aziintshatsheli ezivunyiweyo zeAfrika yonke. "Uhambo lwethu laqala eMozambique phambi kokuza kwiAfcon. Abantu bebengasiboni njengeqela elingaziintshatsheli," utshilo uAutata emva komdlalo obunzima.

"Ndicinga ukuba ezo zinto zisisebenzele ngoba zisikhuthazile satsho safika kwindawo esikuyo. Ndibulela umsebenzi owenziwe ngabaqeqeshi, abadlali nabo bonke abantu kuquka nomqeqeshi. Nguye ondinike uxanduva lokukhokela iqela labadlali abazimiseleyo," utshilo uAutata.

Ubalule ukubambisana ngomsebenzi njengeyona nto encede uMzantsi Afrika obuyisa isidima sawo ebholeni khatywayo unyaka nonyaka. "Siye emdlalweni simazi umntu exhomekeke kuye iMorocco. Kuye kwanyanzeleka ukuba sifake abantu abanamandla kwisigaba sesibini ukuze bakwazi ukunqanda iibhola zeMorocco eziyingozi," utshilo uAutata echwayitile.

Yena umqeqeshi waMajita, uRaymond Mdaka, uncome igalelo elenziwe yiDStv Diski Challenge ngoba bonke abadlali baveliswe yiyo. "Ndiyiqhwabela izandla iDStv Diski Challenge owavula ithuba lokuba sikwazi ukubona abadlali abasakhulayo ngeempelaveki. Likhulu ilizwe lethu; ukuba bekungekho iDiski Challenge - besingeke sikwazi ukubabona abadlali.

"Njengokuba sasikwiCOSAFA kunyaka ophelileyo, abadlali abaninzi banyuselwa phaya. Ngenxa yeDiski Challenge, singatsho ukuba siphumelele sililizwe ngenxa yayo," utshilo uMdaka ebethelela umsebenzi weDiski Challenge edibanise iminyaka elishumi kulo nyaka.