Ezemidlalo

Iliso layo iMamelodi Sundowns ilibeke kwiCAF Champions League

Pedro Mapelo|Published

VICTORY Abadlali beMamelodi Sundowns bebhiyozela indebe yeBetway Premiership emva kokubetha iMagesi FC kubusuku becawe egqithileyo.

Image: Alche Greef/BackpagePix

Emva kokuphakamisa indebe yeBetway Premiership ityeli lesibhozo, iMamelodi Sundowns ikhawuleze yayiphosa kwelokulibala leyo into ngoba inomdlalo obalulekileyo ngempelaveki. Iqela lasePitoli lithwaliswe isithsaba kwakhona ebholeni yaseMzantsi Afrika emva kokuba libethe iMagesi FC ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni obuseLofuts Stadium ngorhatya ngoMgqibelo.

Umsebenzi odlulileyo uza kuyinceda iSundowns njengokuba izama ukuphumelela indebe yeChampions League okwesibini. Amasandawana aza kwamkela iPyramids FC emdlalweni wokuqala weChampions League oza kubanjelwa eLoftus Stadium emalanga (15:00) ngoMgqibelo.

UMiguel Cardoso, obechwayitile kakhulu emva kokufumana indebe yakhe yokuqala, uthe bajongene nomdlalo onzima kakhulu. Emva kokuthatha indebe yeBetway Premiership, uCardoso ubachaze abadlali bakhe njengamakhalipha. "Sijongene nomdlalo onzima kakhulu futhi okwizinga elingasentla," utshilo umqeqeshi weSundowns.

IPyramids ibuyela eMzantsi Afrika ikhuthazekile emva kokuba ibethe i'Orlando Pirates ngo'3-2 emdlalweni odlulileyo weCAF Champions League obusekuqaleni kwale nyanga. Yona iSundowns ikhuphe iAl Ahly ukuze ifikelele kwisigaba sokugqibela sokhuphiswano.

UCardoso ulithembile iqela analo ukuba liza kuwenza kakuhle umsebenzi. "Siliqela ekunzima ukudlala nalo ngokufanayo neqela esiza kudibana nalo. Kufuneka sikhaliphe emdlalweni ngoba sinabadlali abasemgangathweni ophezulu," utshilo umqeqeshi ethetha neentatheli.

Ubancomile abadlali bakhe abafumene indebe emva kokwenza umsebenzi ophucukileyo kwisizini esongwayo. "Abadlali bethu badlala umdlalo omhle kakhulu futhi bendikhe ndacinga ukuba inoba kunzima kangakanani ukumelana nabo xa bewuxhomile umgangatho.

"Kodwa nakubeni kunjalo, kubalulekile ukwazi ukuba siseza kujamelana nezinto ezinzima endleleni. Kufuneka sivuye kodwa singagqithisi. Abantu baseMzantsi Afrika kufanele baziqhenye ngeqela elifana neMamelodi Sundowns," utshilo uCardoso emva komdlalo.