USikho Nqothole ejimini eGoli - apho alungiselela khona umlo obalulekileyo ongempelaveki
Image: Facebook
USikho Nqothole uyifungele imbethimanqindi yaseFilipino aza kudibana nayo ngempelaveki. Le ntshatsheli yeWBO global junior-bantamweight ilungiselela ukudibana etshatshalazeni noReymark Alicaba emlweni oza kube useCarnival City, eBrakpan, ngentsimbi yesixhenxe ngoMgqibelo.
Lo mlo, oququzelelwe yiBoxing 5, uza kuqingqitha imijikelo elishumi yonke ukuba akubangakho ndoda ewayo. UNqothole, ofumana ithuba lokuba yintshatsheli kwakhona, uthi akazimiselanga ukuzimfamekisa ngokujonga imilo kaReymark edlulileyo.
"Andifuni ukufunda imbethimanqindi ngeziphumo zemilo yayo edlulileyo ngoba lo nto ayivezi ngokupheleleyo umgangatho wayo," utshilo uNqothole ophekwa esophulwa kwiphondo laseGauteng. UNqothole yimbethimanqindi esemgangathweni ophezulu futhi ekwaziyo ukulwa kakuhle.
Emilweni elishumi elinethoba, uNqothole ubethwe kwemithathu kuphela. Lo nto iyodwa ichaza umntu ozimiseleyo emsebenzini wakhe. "Ndihlonipha zonke iimbethimanqindi ezilwa nam. Zonke zilwela ukundoyisa. Ukuphumelela kum kuthetha ukuthi zininzi eziza kufuna ukulwa nam," utshilo uNqothole kwiphephandaba laseGoli.
Naye uNqothole walandela ezinye iimbethimanqindi ezayinikela umva iMpuma Koloni zaya kufumana uncedo kuColin Nathan owaziwa ngokuvelisa iintshatsheli emdlalweni wamanqindi eMzantsi Afrika.
"Ndiyakuvuyela ukufumana ithuba lokulwa. Ukuba bekuya ngokwam, bendingavuyela ukuba ukulwa kathathu enyakeni omnye ukuze ndikwazi ukunyukela ngasentla kumanqwanqwa ehlabathi," utshilo uNqothole onconyiwe ngokuzilolonga kakuhle nguNathan.
"Ndizimisele ukuqinisekisa ukuba ufumana imilo ukuze sikwazi ukumzamela amanye amathuba. Kubalulekile ukuba aphumelele umlo wakhe kakuhle. Uzilolonga kakuhle kakhulu futhi ndilindele ukuba afumane iziphumo ezihle," utshilo uNathan ozipheka eHotBox Gym, Egoli, iimbethimanqindi zakhe.
Emlweni wokugqibela wonyaka ophelileyo, uNqothole wabetha uJafet Amukwa waseNamibia kumjikelo wesibini. Uza kudibana noReymark Alicaba ofuna ukubuyisa isidima sakhe emva kokubethwa ekuqaleni kwalo nyaka.
Related Topics: