UMandla Ncikazi uzamkele iziphumo zomdlalo weBetway Premiership obuphakathi kwePirates neTS Galaxy ngempelaveki egqithileyo.
Image: OP/Facebook
UMandla Ncikazi akazithandanga iziphumo ezifunyenwe liqela lakhe emdlalweni ogqithileyo. OkaNcikazi ukuvakalise oku emva kokuba i'Orlando Pirates idlale ntanganye ngegowuli elinye macala neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe e'Orlando Stadium, eSoweto, ngoMgqibelo odlulileyo.
Ibingumdlalo wePirates wokuqala engekho uJose Riveiro ekulindeleke aziswe njengomqeqeshi weAl Ahly kwiintsuku ezizayo. Indawo yakhe ithathwe nguNcikazi obambeleyo kude kuphele isizini. Emva kokuba isigaba sokuqala somdlalo siphele kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini, iPirates ibuye kwisigaba sesibini yagqagqanisela iTS Galaxy yafumana igowuli elifakwe nguBandile Shandu.
Nakubeni kukhangeleke ngathi amanqaku amathathu aza kufunyanwa yiPirates, kodwa iTS Galaxy iye yafumena igowuli lokulinganisa elifakwe nguMpho Mvelase kwixesha elongezwe ngusompempe. Ukungaphumeleli kweBucs akuyiphoxanga kakhulu ngoba indawo yesibini yeyayo emva kokuphumelela kweMamelodi Sundowns.
Imingumdlalo wokuqala kaMandla Ncikazi emva kokuba iPirates imkhaphe kakuhle uRiveiro ngokubetha iGolden Arrows ngamagowuli amathathu eqandeni ekuqaleni kweveki ephelileyo. URiveiro, owafika eMzantsi Afrika engadumanga nganto, uhambe eneendebe ezintlanu egameni lakhe.
"Kusidanisile ukudlala ntanganye emva kokufakwa kwegowuli kuthi emzuzwini wokugqibela," utshilo uNcikazi ethetha kwiSuperSport TV emva komdlalo. Naye usebenzise abadlali abatsha ngokufanayo noRiveiro oshiye ephakamise abadlali abaliqela abaquka uRelebohile Mofokeng, uMohau Nkota noMbokazi.
"Ndicinga ukuba sikwenzile obekufanele. Sidlalise abadlali abancinane - kodwa akulotyala labo ukungaphumeleli kwethu. Umdlalo ubuphantsi kolawulo lwethu kodwa ke kwenzekile okwenzekileyo. Abanikwe ithuba lokudlala namhlanje bakwazile ukufumana izifundo. Kubi ngoba asiphumelelanga - kodwa akukho nto esingayiguqula," uvale ngaloo mazwi uNcikazi.
Related Topics: