Amakhosi abambene neSekhukhune United emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe ePolokwane namhlanje.
Image: Kaizer Chiefs
UKapteni weKaizer Chiefs avakalise ukungonwabi kwakhe emva kokuba iqela lakhe lifumene inqaku elinye emdlalweni wanamhlanje. UYusuf Maart uphawule ngeziphumo emva kokuba iKaizer Chiefs ibambene neSekhukhune United ngeqanda macala emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium, ePolokwane, ngale njikalanga.
Omabini amaqela adlale umdlalo osemgangathweni ophezulu ngoba ebedlalela ukufumana amanqaku amathathu obamini. Iqela laseLimpopo lisukele kwangoko latsho lazuza igowuli elifakwe nguEllis Rammala emzuzwini wesihlanu kwisigaba sokuqala.
Amakhosi adlale ephantsi koxinizelelo phambi kwabalandeli abebesavuyela impumelelo yeNedbank Cup. Alwile kodwa ngoba uGlody Lilepo ukwazile ukufaka igowuli emzuzwini wokugqibela kwisigaba sokuqala.
Noxa umdlalo ubumhle kwisigaba sesibini - kodwa akubangakho qela elibhalisileyo ebhodini. Ayikwazanga iChiefs ukubuyela kwiTop-8 ngalo Ndlela. Kweminye imidlalo yanamhlanje, iPirates ibambene ngegowuli leinye neTS Galaxy. iStellenbosch FC ibethe iSuperSport United ngamagowuli amabini kwelinye.
Kwidabi laKwaZulu-Natal, iGolden Arrows ibambene ngeqanda neRichards Bay. IMarumo Gallants ibambene ngegowuli elinye neChippa United kanti yona iCape Town City izingombele iPolokwane City ngamagowuli amabini yatsho yafumana amanqaku amathathu abalulekileyo njengokuba izama ukuphepha izembe.
Related Topics: