Ayikwazanga ukuphumelela iPirates emdlalweni obunamhlanje
Image: OP/Facebook
Ayikwazanga ukufumana amanqaku apheleleyo i'Orlando Pirates emdlalweni wokuqala kumke uJose Riveiro kwiveki ephelileyo. Oku kwenzeke emva kokuba iPirates ibambene ngegowuli elinye macala neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe e'Orlando Stadium namhlanje emalanga.
Oku kwenzeka kanye emva kokuba iPirates ingombe iGolden Arrows ngamagowuli amathathu eqandeni ekuqaleni kwale veki iphelayo. URiveiro kulindeleke abhengezwe njengomqeqeshi weAl Ahly. UMandla Ncikazi, onikwe uxanduba lokugqibezela isizini, akakwazanga ukufumana impumelelo emdlalweni wokuqala kwembalwa eshiyekileyo.
Ihambe phambili kwangoko emdlalweni iPirates ngegowuli elifakwe nguBandile Shandu. Emva kwakhe uzamile ukongeza uMohau Nkota - kodwa ngelishwa ibhola yakhe ayingenanga. Ilwile iTS Galaxy yade yafumana igowuli elifakwe nguMpho Mvelase. Akusenamsebenzi ukudlalelwa yiPirates ngoba indebe seyithathwe yiMamelodi Sundowns. Kanti yona iTS Galaxy iphakathi kwiTop-8.
Related Topics: