Ezemidlalo

UWalaza ucacisa ukonganyelwa kwakho luloyiko kwiWorld Relay Championships

Pedro Mapelo|Published

UBayanda Walaza noogxa bakhe emva kokubuyela eMzantsi Afrika ekuqaleni kwale veki.

Image: Athletics SA

Enye yeembaleki zaseMzantsi Afrika ezigqwesileyo kwihlabathi, uBayanda Walaza, ibalise ngoloyiko oluthe lwayihlasela phambi komdyarho weembaleki obuseChina. Le ndedeba ezinze eKatlehong, eGauteng, ibiphakathi kweembaleki ezenze ezibukwayo kwiWorld Senior Relay Championships ebekukho phakathi kwazo noAkani Simbine kwiveki ephelileyo.

Isiqalo sikaWalaza khange sincumise - kodwa okuncomekayo kukuba ukwazile ukwenza izilungiso ezinike iqela lonke amandla okuya phambili. Iimbaleki zoMzantsi Afrika zibuye nembasa yegolide emva kokoyisa iMelika (USA) kumgama oyi400 yeemitha kwirileyi.

Yonke lo nto ziyenze kwimizuzwana engaphantsi kwamashumi amane (37.61). Emva kokubuyela ekhaya ekuqaleni kwale veki, uWalaza uvumile ukuba woyiswe luloyiko oluye labangela atsibe kuqala phambi kwexesha ngomhla womdyarho. UWalaza uqale ukugqama kakhulu kwicandelo lezeembaleki kunyaka ophelileyo ngethuba enceda uMzantsi Afrika emidlalweni ye-Olimpiki.

"Uloyiko longamele umzimba ngala mini. Eyona nto eyabangela kube njalo kukwazi ukuba likhona ithuba lokuphumelela umdyarho. Kwangaxeshanye kwabakhona ukoyika ngaphakathi kum. Kodwa ngethamsanqa, umzimba zange uhambe wonke. Ndasiphephe ngolo hlobo isohlwayo," utshilo uWalaza ethetha kwiSABC TV kule veki.

Emva kokunikwa ikhadi eliluhlaza lesilumkiso, waqonda kakuhle ukuba uza kuguzulwa ukuba wenze enye impazamo. "Ndaqonda ukuba mandiphume mva kunabanye ukuze kungabikho mpazamo kwakhona. Kulapho azicacise khona ukuba yena uyintshatsheli yokwenene.

Iminyaka yakhe iselishumi elinethoba kuphela - kodwa ngoku uzibhaqa ebaleka nooxholovane ngenxa yomsebenzi omhle awenzileyo eminyakeni embalwa edlulileyo. "Ndibaleke neentanga zam ixesha elide, ngoku ndizama ukuzinza kwiqela leembaleki ezindala.

"Akululanga konke konke futhi andikafuni ukutsho ukuba ndiyimbaleki ekwinqanaba eliphezulu," utshilo uWalaza ofunda eTshwane University of Technology emva komsebenzi omhle eChina. Nawo amanenekazi aqhube kakuhle eChina abuya nembasa.