Ezemidlalo

Umqeqeshi weChippa United uyiqhwabela izandla iMamelodi Sundowns eyenze imbali

Pedro Mapelo|Published

UThabo September ngumqeqeshi weChippa United ebethwe yiMamelodi Sundowns emdlalweni obuseBuffalo City Stadium ngoLwesithathu wale veki.

Image: Pedro Mapelo/Honor Phone

Iintshatsheli ezintsha zeBetway Premiership ziqhwatyelwe izandla nguThabo September emva komdlalo obuseMonti. Ukwenze oku emva kokuba iChippa United yakhe iguqiswe phantsi yiMamelodi Sundowns ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obomhle eBuffalo City Stadium ngoLwesithathu wale veki.

Amagowuli ephumelele ngawo iSundowns afakwe yifolosi eyingozi, u-Iqraam Rayners noArthur Sales, ongene kwisigaba sesibini wabethelela isikhonkwane sokugqibela kwibhokisi engcwatywe ngayo iChippa United. Ukuphumelela kweSundowns kuthethe ukuthi iziintshatsheli zeBetway Premiership ityeli lesibhozo iminyaka ilandelelana.

Kwelinye icala, le yindebe yokuqala kaMiguel Cardoso ebholeni yaseMzantsi Afrika ukusukela ekufikeni kwakhe ekuthambekeni kuka2024. USeptember uyincomile indima eyenziwe yiSundowns ebholeni ekhatywayo. "Ndiyavuyisana neSundowns. Konke ekwenzayo kunceda ilizwe lonke," utshilo uSeptember ekulindeleke ahlale enye isizini njengomqeqeshi weChippa United.

Amasandawana aza kulwela enye indebe kwiveki ezayo xa edibana nePyramids emdlalweni weCAF Champions obekelwe intsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. "Baphakamisa igama lelizwe njengokuba besiya emdlalweni weChampions League kwiveki ezayo.

"Emva koko baza kuya kwiClub World Cup. Baqhuba kakuhle kakhulu futhi abakwenzayo kuza kuvulela abadlali abasakhulayo amathuba okuya phesheya. Mandivuyisane neSundowns kwakhona emva kokuba ziintshatsheli," utshilo uSeptember. Umdlalo ubukwizinga eliphezulu eMonti. Okwenze kwamnandi ngakumbi yindlela abalandeli bebhola abaligcwalise ngayo ibala.

Nangona iSundowns iqinisekiswe eBuffalo City Stadium ukuba iziintshatsheli - kodwa iza kunikwa indebe yayo xa idibana neMagesi FC emdlalweni weBetway Premiership oza kube useLoftus Stadium emalanga ngeCawe. Emva kokudlala imidlalo emibini yeChampions League, iSundowns iza kuqala amalungiselelo weFifa Club World Cup ejongwe ngamehlo abomvu.