IMamelodi Sundowns iphumelele indebe yeBetway Premiership ityeli lesibhozo izolo eBuffalo City Stadium, eMonti.
Image: Pedro Mapelo
Iincwazi zembali ebholeni ekhatywayo zibhalwe ngokutsha kwakhona izolo ebusuku. Oku kwenzeke emva kokuba iMamelodi Sundowns ibethe iChippa United ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obumhle kakhulu eBuffalo City Stadium.
Impumelelo yeSundowns ithethe ukuthi iziintshatsheli ngokusesikweni nakubeni isizini ingekasongwa. Amagowuli afakwe ngu-Iqraam Rayners kwisigaba sokuqala noArthur Sales amabini kwisigaba sesibini somdlalo.
Abalandeli bebhola ekhatywayo bayigcwalise iBuffalo City Stadium akwabikho nendawo yokuhamba ngoba wonke umntu ebenomdla wokubona iintshatsheli ezintsha. Yenze imbali iSundowns ngoba liqela lokuqala eliphumelele indebe yeBetway iminyaka esibhozo ilandelela.
Kanti kwiPremier Soccer League, iSundowns ibiyiphumelela indebe ityeli leshumi elinesihlanu. UMiguel Cardo ebenyuka esehla ebaleni ngenxa yemincili. Emva komdlalo uphokoze imbilini yakhe koonondaba.
"Intsebenziswano esiyakhileyo isincedile satsho sakwazi ukuthubeleza ebunzimeni. Sisebenzisa kakuhle futhi siyathandana kwiSundowns, odlalayo nongadlaliyo," utshilo uCardoso efike ekupheleni konyaka ka2024 emva kokugxothwa kukaManqoba Mngqithi.
"Siwonwabele umsebenzi esiwenze kwisithuba senyanga esidlulileyo. Kwakucacile ekufikeni kwethu ukuba kukho into efuna ukulungiswa. Andinanxa nabaqeqeshi ngoba ingxaki ibingezoziphumo, umoya enkampini wawungemhlanga," utshilo uCardoso echwayitile.
"Sachitha ixesha sizama ukwakha ubudlelane ngoba ibhola ekhatywayo ayipheleli ekukhabeni - kubalulekile ukuvana kwabantu bonke abasebenza ndawonye. Ndicinga ukuba isisebenzele lo nto.
"Kumnandi kakhulu ukusebenza nabadlali esinabo kwiSundowns," uvale ngaloo mazwi uCardoso othe uyakonwabela ukusebenza eMzantsi Afrika. Amasandawana aza kudibana neMagesi FC emalanga ngecase emdlalweni oza kube useLoftus Stadium. Emva koko iSundowns iza kulungiselela iCAF Champions League.
Related Topics: