Ezemidlalo

iSundowns iphume iziintshatsheli zeBetway Premiership ezivunyiweyo eBuffalo City Stadium namhlanje ebusuku!

Pedro Mapelo|Published

Yenze imali iBuffalo City Stadium emva kokuvelisa iintshatsheli zeBetway Premiership okokuqala embalelini namhlanje ebusuku,

Image: Yanga Nothanga/Maya Images

Namhlanje iMamelodi Sundowns ithwaliswe isithsaba njengeentshatsheli ezivunyiweyo zeBetway Premiership. Oku kwenzeke emva kokuba ibethe iChippa United ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni obuseBuffalo City Stadium namhlanje ebusuku.

Amagowuli ephumelele ngawo iSundowns afakwe ngu-Iqraam Rayners noArthur Sales amabini kwisigaba sesibini. Ithuba lokubukela umdlalo osemgangathweni ophezulu balibambe ngazo zozibini abantu baseMonti abagcwalise iBuffalo City Stadium akwabikho nendawo yokunyathela.

Amaqela omabini adlale ngokukhulu ukuzimisela futhi kucaca ukuba afuna ukuphumelela. Bekunyanzekile iSundowns iphumelele ukuze iye emdlalweni olandelayo ingenalo ixhala. Amaqela omabini axhwithene zisuka kwisigaba sokuqala.

Bekunyanzelekile iSundowns ixhokonxe kuqala ngoba ibiyimini yayo yokuthwaliswa isithsaba njengeentshatsheli zesizini ephelayo. Emzuzwini weshumi elinanye, u-Iqraam Rayners ubhakuzelise umnatha kwahlokoma ibala ebeligcwele ngendlela engazange ibonwe.

Emva koko umdlalo iwuthathele kuyo kufanelekile. URayners noLuucas Ribeiro bebequqa bebuyelela emhlabeni weChippa United bekhangela igowuli lesibini. Walile uDarren Johnson kwaphela encediswa nguJustice Chabalala noThabo Makhele emva.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns inkqenkqeza phambili. Umgangatho womdlalo uthathe olunye unyawo emva kwexesha lokuphumla. Ibuye inamandla iSundowns - kodwa ingayekanga nayo iChippa United ebidlalela kowayo.

UDarren Johnson uqhubele phambili nokwenza umsebenzi omhle ezipalini endaweni kaStanley Nwabali obengekho. Ekugqibeleni, uSundowns iphumelele ngamagowuli amathathu. Ayikwazanga iChippa ukuphindisa ngenxa yomsebenzi omhle owenziwe ngabadlali beSundowns ephumelele indebe ityeli lesibhozo iminyaka ilandelelana.