Ezemidlalo

UNabi uza kuhlala kwiChiefs ukuba imthengela abadlali

Pedro Mapelo|Published

UNasreddine Nabi uthi uza kuhlala kwiKaizer Chiefs ukuba imfunela abadlali abanokuyinceda.

Image: Backpagepix

Amakhosi athe ezavuyela impumelelo ayifumene ngempelaveki egqithileyo kwabe kuvela iindaba ezithi uNasreddine Nabi uza kugxothwa yiKaizer Chiefs. Bashiyeke bemangalisekile abantu abaninzi futhi bezibuza ukuba ingaba kutheni emva kokuba uNabi efumene indebe - eyona nto eyoyise abaqeqeshi abasibhozo eminyakeni egqithileyo.

Nakubeni bekumele ukuba ibaphazamisile abantu abaninzi - kodwa akubanga njalo emva kokuba iKaizer Chiefs yoxuthe iNedbank Cup kutshaba lwayo ngoMgqibelo odlulileyo. Nangona bekunzima emidlalweni yeBetway Premiership, ngethamsanqa uNabi ukwazile ukunika Amakhosi indebe - eyona nto ekudala eyilangazelela iminyaka elishumi yonke.

Ngaphezulu koko, ubuyisele Amakhosi kwiCAF Confederation Cup emva kweminyaka emithathu yagqibela kwiChampions League isaqeqeshwa nguArthur Zwane. Ukuba bekungekho ndebe etafileni, isigqibo sokugxotha umqeqeshi besiza kwamkeleka - kodwa kukho umbuzo othi: kude kube nini begxothwa?

Ethetha noXoli Zondo ekuqaleni kwale veki kwi5FM, uKaizer Motaung Jr uzikhabile iingxelo ezithi iChiefs iza kumkhomba enyango umqeqeshi. "Umqeqeshi usenesivumelwano somnye unyaka," utshilo uMotaung Jr, phambi kokongeza ngelithi bazimisele ukuya phambili njengokuba wonke umntu onwabile emva kokuphumelela kweChiefs.

"Ndingatsho ukuba njengezinye iisizini, siza kuhlala phantsi nomqeqeshi sense uhlalutyo. Siyazi ukuba iziphumo kwiBetway Premiership azincumisi. Okwethu ngoku kukudibanisa wonke umntu silungelo umsebenzi ozayo," utshilo uMotaung Jr. "Sicwangcisela ixesha elizayo ngoku," uvale ngaloo mazwi uMotaung Jr.

Ethetha kwiSuperSport TV ekuqaleni kweveki, uNabi uthe uzimisele ukuhlala kwiChiefs ngoba isivumelwano sakhe sengqesho asikapheli. Into ayibetheleleyo kukuba makafunelwe abadlali abanokumnceda ukuze afezekise okufunwa yiChiefs. Emva kokuphakamisa indebe eThekwini kubekho iindaba esithi uza kugxothwa.