INCHING CLOSER UMiguel Cardoso ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns.
Image: Backpagepix
Sekucacile ukuba iMamelodi Sundowns iza kuba ziintshatsheli zeBetway Premiership isihlandlo sesibhozo. Kodwa nangona kunjalo, kukho abanoluvo oluthi uMiguel Cardoso ufumene iqela selilungile. Ingayinyaniso leyo ngoba banabo abadlali abasemgangathweni ophezulu kwiSundowns.
Emva kokuba iSundowns ibethe iStellenbosch FC ngamagowuli amathathu eqandeni, uCardoso ucacisele iintatheli indlela abayiphucule ngayo emva kokuthatha iintambo kuManqoba Mngqithi ekupheleni konyaka ka2024. Nakubeni iSundowns yayingaqhubi kakubi - kodwa kwakukho ukungaqiniseki okuthile kwiCAF Champions League.
Ikwazile ukufikelela kwisigaba sokugqibela eza kudibana kuso nePyramids ebethe iPirates kwiiveki ezigqithileyo. Phantsi kukaCardoso, iSundowns inamathuba okuphamisa iindebe ezimbini phambi kokusongwa kwesizini. "Andifikanga isizini iphakathi. Ekufikeni kwam, iDowns yayisadlale imidlalo embalwa. Ndicinga ukuba umsebenzi esiwenzileyo ucace kubo bonke abantu," utshilo uCardoso emva komdlalo ogqithileyo.
Uvumile ukuba uMngqithi washiya indima ebonakalayo. "Silithathe iqela salinyusela ngasentla. Ndifuna ukuncoma umsebenzi owenziwe ngabadlali nabaphathi. Kwakubalulekile kuthi ukufunqula iSundowns kwindawo eyayikuyo ngoko. Ndiyamncoma uMngqithi futhi ndatsho nakuye. Kuko konke okwenzekileyo, umsebenzi owenziwe sithi ucacile.
Wonke umntu ubalulekile futhi kufanele umntu ngamnye abulelwe ngendima ayenzileyo. Iqela lidlale umdlalo obhetele emva kokuthatha kwethu iintambo - kodwa sisenemidlalo emibini eshiyekileyo," utshilo uCardoso. Emidlalweni emibini eshiyekileyo, iSundowns idinga inqaku elinye itsho ibe ziintshatsheli.
"Masincome abantu abafanelekileyo. Ndandikhe ndayikrokrela le nto ekufikeni kwethu - kodwa ndiyacela uhlonitshwe umsebenzi wethu esiwenzileyo. Masilinde kude kuphele isizini ukuze sikwazi ukwenza uhlalutyo olupheleleyo," utshilo uCardoso phambi komdlalo obuphakathi kweSundowns neChippa United osuswe eGqeberha wasiwa eMonti kule veki.
Related Topics: