UJose Riveiro uvalelisile kwi'Orlando Pirates ayiqeqeshi iisizini ezintathu.
Image: Backpagepix
Emva kweesizini ezintathu, uJose Riveiro ugqibe kwelokuba ahambe eMzantsi Afrika. Njengokuba wafika ngonyaka ka2022 engaziwa, ubuyela eSpain engumqeqeshi opheleleyo emva kokuzuza impumelelo. Uhamba eyiphucule i'Orlando Pirates awafika kuyo kungekuhlanga ncam.
Kwinyanga ephelileyo, iPirates yabhengeza ukuba uRiveiro akazimiselanga ukusihlaziya isivumelwano sakhe sengqosho. Nangona iPirates ibifuna ukumgcina - kodwa yagqiba kwelokuba imkhulule ngoba kufuna yena. URiveiro uhamba eyindoda ehloniphekileyo eMzantsi Afrika ngoba ushiya iindebe ezintlanu zonke emva kwakhe eminyakeni emithathu.
Zintathu iindebe zeMTN8 ibe zezimbini zeNedbank Cup. Ebekhona amathuba okongeza ezinye iindebe - kodwa ngelishwa iPirates ayikwazanga ukuyikhusela iNedbank Cup ethathwe yiKaizer Chiefs kwiveki ephelileyo eNelson Mandela Bay Stadiun, eThekwini. Uhamba uRiveiro eliqhawe kubalandeli bePirates nangona ephoswe yiBetway Premiership neCAF Champions League.
Ngaphezulu kwayo yonke into, umqeqeshi uhamba eshiya iPirates ephilileyo futhi ekwaziyo ukumelana namanye amaqela amakhulu ezinye izizwe. URiveiro wenze amazwi okugqibela phambi kokunikela umva uMzantsi Afrika emva komdlalo obuphakathi kwePirates neGolden Arrows.
"Ndibulela ngokungazeznisiyo iPirates ngokundikhulula kwangoko. Njengomntu ongakwaziyo ukuvalelisa ngenxa yemvakalelo," utshilo umqeqeshi ethetha ngePirates athe ibiguqule ibomi bakhe. "Ndibulela kakhulu kubaphathi, abadlali basebantwini abangabonakaliyo abasebenzela iPirates.
Ebadlalini, ndibulela indlela uhambo lwethu abalamkele ngayo. Kwiintsuku zam zokuqala, ndacela abalandeli ukuba nasixhase. Bayenza nyhani lo nto futhi benza ngaphezulu. Ndakusoloko ndiyikhumbula indlela eniyixhase ngayo iPirates.
"Enkosi ngokundinika ithuba lokuqeqesha iPirates," utshilo uRiveiro ekuvakala iindaba ezithi uza kuqeqesha iAl Ahly egxothe umqeqeshi emva kokukhutshwa kwiCAF Champions League. Imidlalo eshiyekileyo iza kukhokelwa nguMandla Ncikazi obelisekela lakhe.
Related Topics: