Ezemidlalo

UStan Matthews uyayikhanyela eyokuthengiswa kweSuperSport United!

Pedro Mapelo|Published

UMatthews uyayikhanyela eyokuthengiswa kweSuperSport United

Image: Facebook

Ayanda amarhe athi iBloemfontein Celtic iza kubuyela kwiBetway Premiership emva kokubhanga kwayo kwiminyaka edlulileyo. Iingxelo zamajelo eendaba zithi kukho iqela loosomashishini elincedwa nguMphathiswa weZemidlalo, uGayton McKenzie elizimisele ukubuyisela iCeltic eyayinabalandeli ababeyixhasa kakhulu. Kuthiwa liza kuthenga iSuperSport United. Nangona kungekho lizwi elitsolileyo eliphume kwiqela lasePitoli ngekamva lalo - kodwa kungenzeka nantoni emva kokungaqhubi kakuhle.

Amatsatsantsa asokole kule isizini. Kuye kwanyanzeleka abaphathi bagxothe uGavin Hunt obelibhexesha ukusukela ekuqaleni kwesizini ka2024/25. Indawo yakhe ithathwe nguAndre Arendse obelisekela lakhe. Emidlalweni egqithileyo, uArendse ukwazile ukuwasusa Amatsatsantsa kwindawo yeshumi elinesitathu. Kuthe qabu ngoba phantsi kwawo kuhle iCape Town City ejingelwa lizembe - kodwa engadlala imidlalo yokuxabangela namaqela adlala kwiMotsepe Foundation Championship.

Eminyakeni engaphezulu kwamashumi amabini ebholeni yaseMzantsi Afrika, iSuperSport United izenzele igama elihle njengelinye lamaqela agqwesileyo kwicala lokuthatha iindede. Kubekhona ukuugqwidiza kwiisizini ezigqithileyo noxa bekungekubanga kakhulu njengale isizini. Ukungaqhubi nokuthengiswa kukaMultiChoice ongumnikazi weSuperSport United, kungamnyanzela ukuba akhangele abantu abanokuyithenga. Nakubeni kunjalo, iNgqonyela yeSuperSport iyichaze njengamampunge eyokuthengiswa kweqela.

"Ukusukela ngo2019, oko ayekho la marhe athi iqela liyathengiswa. Into endiyaziyo mna kukuba silwela ukuphepha izembe," utshilo uMatthews ngokutsho kwe-IOL Sport. IBloemfontein Celtic yathengwa nguShauwn Mkhize owayijika wayenza iRoyal Am eguzulweyo kwiPSL ngenxa yezikweletu zakhe (uMamkhize) ezibangele kungabhataleki abadlali. Emva koko, iRoyal Am yathinjwa liqumrhu lerafu, uSars. Ukuba kuza kwenzeka ntoni, kuza kucaca kwakuvalwa isizini ekupheleni kwale nyanga.