Amakhosi aphakamise indebe yeNedbank emva kokuguqisa phantsi i'Orlando Pirates emdlalweni obuseMoses Mabhida Stadium ngoMgqibelo odlulileyo.
Image: Yanga Nothanga/Maya Images
Konwatyiwe zizigidi zabalandeli beKaizer Chiefs okokuqala eminyakeni elishumi. Oku kulandela ukuphakamisa kwayo indebe yeNedbank Cup ngorhatya langoMgqibelo odlulileyo eThekwini. IChiefs iguqise phantsi i'Orlando Pirates ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obubanjelwe eMosese Mabhida Stadium.
Amagowuli ancede iChiefs afakwe nguGaston Sirino kwisigaba sokuqala noYusurf Maart kwisigaba sesibini somdlalo. Yona iPirates ifike yabika ekhaya ngegowuli elifakwe nguEvidence Makgopa. Ekugqibeleni, ayigwebile indlala Amakhosi. Ukusukela ngonyaka ka2015, zange ayiphakamisa indebe.
Ngabaqeqeshi abasibhozo abazamileyo eminyakeni egqithileyo abangakwazanga ukufumana indebe. Endaweni yoko, Amakhosi ahlele ezantsi kwiPSL. Nakule isizini bekunzima kungahlangani kakuhle - kodwa uNasreddine Nabi, ofike ekuqaleni kwesizini, ukwazile ukuza nendebe ekhatshwe zizigidi ezisixhenxe zerandi (R7-million).
Uvuyo elibonakele elizweni luye lacacisa mhlophe ukuba abalandeli kudala beyinxanelwe indebe. Njengokuba indebe inika iChiefs ithuba lokuphefumla, uNabi uvakalise uchulumanco - kodwa wacela abalandeli ukuba bamnike ithuba.
Kunzima ukumfanisa nabanye abaphambi kwakhe ngoba yena unike iChiefs into eneminyaka iyilambele futhi ngaphezulu koko, iza kudlala kwiCAF Confederation Cup. "Ndivuyela abalandeli, uSihlalo nosapho lonke lakwaMotaung," utshilo uNabi emva komdlalo.
Njengokuba bekugcwele ebaleni, umasipala uququzelele nezinye iindawo ekubukelwe kuzo ngenxa yabantu abaninzi abaye eThekwini. "Le yinkqubo esikuyo yokuvuselela iqela. Ndifuna ukucela abalandeli ngelithi mabandixhase ndivuse iChiefs. Ndakugqiba, ndiza kubuyela ekhaya," utshilo uNabi ubephantsi koxinizelelo ngenxa yokungaqhubi kakuhle kweChiefs.
"Emva kweminyaka iChiefs ingafumani nto, le ndebe yinto ekhethekileyo. Le yimpendulo kwabasithandabuzileyo endleleni yethu. Ndibabulela kakhulu abadlali abasebenze ngokuzimisela baphinda bancama konke ukuze sifumane indebe," utshilo uNabi owisa iStellies, iSundowns nePirates ngokulandelelana phambi kokuthatha indebe. UNabi uthe indebe ezuzwe yiChiefs sisiqalo ngoba umsebenzi awukagqitywa.
Related Topics: