Ezemidlalo

iSundowns ingcwabe iStellenbosch emdlalweni weBetway Premiership

Pedro Mapelo|Published

Abadlali bevuyela igowuli leMamelodi Sundowns engcwabe iStellenbosch FC emdlalweni weBetway Premiership obuseLucas Moripe Stadium namhlanje.

Image: Mamelodi Sundowns/Facebook

Ukuba kusekho umntu onethemba lokubamba iMamelodi Sundowns, makachithe amanzi ngoba inkukhu ibalekile. Kulindeleke ukuba iSundowns ibe ziintshatsheli isihlandlo sesibhozo kwiveki ezayo.

Oku kuye kwacaca gca emva kokuba ingcwabe iStellenbosch FC ngemvula yamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eLucas Moripe Stadium namhlanje emalanga. Amagowuli amathathu afakwe kungekapheli namashumi amabini emizuzu kwisigaba sesithathu aqinisekise impumelelo yeSundowns.

Emva kwempazamo eyenziwe nguSihle Nduli, uLucas Ribeiro ufake igowuli lokuqala. UNduli ukhabele unozinti ibhola embi yamxaka. Ibethe epalini kwanyanzeleka ukuba ayibambe ukuze ingangeni.

Ibekwe phantsi ebhokisini ngusompempe, emva koko uRibeiro uye wayibeka emnatheni abadlali beStellies begcwele ezipalini. Emva kwemizuzu embalwa, u-Iqraam Rayners ufake elakhe igowuli emva kokufumana ibhola entle kuRibeiro ofake elokuqala.

Emzuzwini weshumi elinesibhozo, uArthur Sales ufake igowuli lesithathu kwaphela ngeStellenbosch FC ekwindawo yesithathu. Ukuphumelela kweSundowns namhlanje kuthetha ukuthi idinga inqaku elinye kuphela ukuze ibe ziintshatsheli zale sizini esongwayo.

Lo nto icutha amathuba we'Orlando Pirates ebifuna indebe nakubeni ihleli kwindawo yesibini. Kodwa lo nto iza kucaca ngakumbi ukuba iPirates ayikwazanga ukubetha iGolden Arrows emdlalweni weBetway Premiership oza kube ungomso.

Emva kokubetha iChippa United ngamagowuli amathathu kwiveki ephelileyo, kulindeleke ukuba iSundowns ilifumane inqaku elinye xa edibana la maqela eMonti ngorhatya ngoLwesithathu wale veki.

Endaweni yokuqala, iSundowns inamashumi amathandathu anesixhenxe amanqaku ewafumene emidlalweni engamashumi amabini anesithandathu. Yona iPirates kwindawo yesibini inamashumi amahlanu anesibini amanaku ewafumene emidlalweni angamashumi amabini anesithathu.