Ezemidlalo

UTeko Modise ubalule into enye engabethisa iPirates emdlalweni wanamhlanje

Pedro Mapelo|Published

UZitha Kwinika exhagwe ngabadlali be'Orlando Pirates emdlalweni weBetway Premiership obukwiveki ephelileyo eFNB Stadium.

Image: Kaizer Chiefs/WhatsApp

Inye into ayibaluleyo uTeko Modise njengonzakalisa i'Orlando Pirates emdlalweni omkhulu namhlanje eThekwini. Uvakalise izimvo zakhe phambi komdlalo weNedbank Cup ophakathi kweKaizer Chiefs nePirates ngo-15:30 eMoses Mabhida Stadium.

Nangona kukho indebe esesichengeni - kodwa omabini amaqela aza kube esilwela ubunganga bawo ebholeni yaseMzantsi Afrika. Iya emdlalweni izithembile iPirates ebethe iChiefs ngo'2-1 emdlalweni weBetway Premiership obuseFNB Stadium kwiveki ephelileyo.

Emva kokuphoxeka kwiCAF Champions League, iPirates ikhangela indlela yokuvala isizini kakuhle nokukhapha uJose Riveiro ogqibelisayo ukuyiqeqesha (kule sizini). Wona Amakhosi aneminyaka elishumi ezama ukuphumelela indebe.

Yinto engaqhelekanga ngoba imbali ithi yiChiefs eneendebe ezininzi ebholeni yaseMzantsi Afrika. Namhlanje inethuba lokuxolisa iintliziyo zabalandeli abasisigculelo sokuncithwa yonke imihla. Nale isizini khange ihambe kakuhle - kodwa lithemba lokugqibela likaNasreddine Nabi lokuguqula izinto.

UModise uthe iPirates ingangeni ebaleni icinga ukuba seyiphumelele. "Singenzi impazamo yokucinga ukuba iChiefs ziidyongo. Iya kuba yimpazamo enkulu leyo," utshilo uModise ethetha neHollywoodbets Sports. "Ukudlala kwePirates kwiChampions League akuthethi kuthi ibhetele.

"Ngumdlalo oza kuguqula izinto kwiChiefs lo ngoba abadlali baza kufumana ukuzithemba kwakhona. Ukudlala neqela elifana neChiefs emdlalweni onje kuyingozi," utshilo uModise owayengumdlali wePirates phambi kokuya kwiMamelodi Sundowns neCape Town City.