Ezemidlalo

Umsebenzi owenziwe nguZwane usonelisile kakhulu, utshilo uZungu

Pedro Mapelo|Published

UMnu. Sandile Zungu ubhengeze ukuba uArthur Zwane uza kuqeqesha AmaZulu nakwisizini ezayo.

Image: Facebook

Njengokuba amaqela amaninzi eza kwenza izilungiso atshintshe nabaqeqeshi, AmaZulu wona agqibe kwelokuba amgcine umqeqeshi wawo, uArthur Zwane. Esi sisigqibo esibhengezwe ngumnikazi weqela, uMnu. uSandile Zungu, ekuqaaleni kwale veki.

Isizathu esibangele uZungu amnike enye isizini kungoba uZwane ukwazile ukubeka AmaZulu endaweni ebhetele kakhulu kunesizini egqithileyo. UZwane wafika noVusumuzi Vilakazi kunzima kakhulu, Usuthu luzika ekuqaleni kwesizini kunyaka ophelileyo phantsi kukaPablo Franco Martin owakhululwayo waze wabuyela eSpain.

Emva kokugqwidiza emidlalweni yokuqala, baye bakwazi ukuliqinisa iqela latsho lanamandla okuphumelela imidlalo. UVilakazi waye wahamba ngenxa yengxaki engazange ichazwe kwashiyeka uZwane yedwa.

Nakubeni kungenzekanga ngendlela ebefuna ngayo uZwane emidlalweni emininzi - kodwa ukwazile ukugcina AmaZulu engaphakathi kwiTop-8 elangazelelwa ngamaqela amaninzi. Kusekho imidlalo eshiyekileyo phambi kokusongwa kwesizini - AmaZulu aqinisekile ukuba aza kuyivala endaweni ebhetele kakhulu kunedlulileyo ngoba achophe kwindawo yesithandathu.

UZungu uvakalise ukoneliseka kwakhe ngumsebenzi owenziwe nguZwane emva kokuba etyikitye isivumelwano esitsha nenkampani ekuthiwa yiPrimo eza kuthatha indawo ka-Umbro obekade enxibisa AmaZulu iimpahla zokudlala iminyaka.

"UZwane uza kube eqeqesha AmaZulu nasemva kwale isizini. Sisigqibo esisithathileyo eso. Sicinga ukuba wenze umsebenzi omhle kakhulu eqeleni lethu," utshilo uZungu. "Kubalulekile ukumvuza ngenxa yokuzibophelela kwakhe eqeleni lethu. Sisigqibo esaziwa nguye nabadlali bonke esi. Sonelisekile kakhulu ngumsebenzi wakhe," utshilo uZungu.

AmaZulu aza kudibana nePirates emdlalweni obalulekileyo olandelayo eMoses Mabhida Stadium ngomhla wamashumi amabini anesine kule nyanga kaCanzibe.