SUSPENDED: Kagiso Rabada UKagiso Rabada ubuyela ebaleni emva kokunqunyanyiswa kwakhe inyanga yonke.
Image: Backpagepix
Emva kokunqunyanyiswa iiveki ezine zonke engadlali, uKagiso Rabada ubuyela ebaleni kwakhona. Oku kulandela ukuvela kwengxelo ethi uRabada wabuyela ekhaya kwinyanga ephelileyo ngoba kwafunyanwa ichiza elingavumelekanga emzimbeni wakhe. Ibiyindaba yakwamkhozi ixesha elide.
Uyichaze ingxaki akuyo sekuphela nexesha lesigwebo sakhe. Umbutho wabadlali beqakamba zange uchaze ukuba leliphi ichiza elibhaqwe kuRabada - kodwa lachazwa nje ngento ebezonwabisa ngayo xa engedlali.
Ekuqaleni kwale veki, iqumrhu elichasene neziyobisi, iSouth African Institute for Drug-free Sport (SAIDS), libhengeze iindaba ezithi uRabada ungokhululekileyo emva kokuba eqhube kakuhle kwiiseshoni ezimbini zokumluleka.
Kodwa iNgqonyela yeSAIDS, uKhalid Galant, uxelele uSABC Sport ukuba uRabada akakaphuncuki ngokupheleleyo engxakini. Uthe xa kunovela umntu owenza isibheno esithi isohlwayo sakhe masandiswe, kunganyanzeleka ukuba asikwe ixesha elide uRabada ongumdlali ophambili kwiqakamba yehlabathi.
"Ityala liphelile - kodwa kusekho iintsuku ezingamashumi amathathu zokubhena. Abantu banalo ilungelo lokubhena kwi-International Cricket Council xa bengonelisekanga sisigqibo seSAIDS," utshilo uGalant, oye wacacisa ukuba kungani kukho amachiza angafunwayo emidlalweni.
"Iziyobisi ezifana nekhokheyini, intsangu nezinye azifunwa ngoba zichasene nomoya wemidlalo. Ngaphezulu koko, ziziyobisi eziyingozi emizimbeni yabadlali ngokwahluka kwayo imidlalo abayidlalayo. Ingxelo ithi uRabada wavavanywa ekuqaleni konyaka emva komdlalo weBetway SA20 owawuphakathi kweMI Cape Town neDurban Super Giants.
Kodwa usikwe sele ebuyele kwiGujarat Titans ayidlalelayo elizweni lase-India. Isizathu ezibangele uRabada engafumani isigwebo esiqatha kuthiwa wasebenzisana kakuhle neSAIDS futhi wancedwa nakukuziphatha kwakhe kakuhle.
Related Topics: