Nasreddine Nabi UNasreddine Nabi weKaizer Chiefs noJose Riveiro we'Orlando Pirates balungiselela umdlalo omkhulu weNedbank Cup oza kube useMoses Mabhida Stadium.
Image: BackpagePix
Ibala lembali, iMoses Mabhida Stadium, liza kuphinda lenze imbali xa livelisa iintshatsheli kwakhona ngempelaveki. Oku kuza kwenzeka xa kudibana amaqela amakhulu ebhola ekhatywayo, iKaizer Chiefs ne'Orlando Pirates, emdlalweni weNedbank Cup ojongwe ngamehlo abomvu nobekelwe intsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.
Ngabalandeli bebhola ekhatywayo abangaphezulu kwamashumi amahlanu amawaka abaza kuba ngamangqina womdlalo omkhulu nakubeni ukuthengiswa kwamatikiti kushiye abaninzi bephoxekile ngenxa yamagingxagingxi. Omabini amaqela aya emdlalweni efuna impumelelo. IChiefs izama ukubuyisa isidima sayo emva kwendlala yeminyaka elishumi yonke.
Kanti yona iPirates ifuna ukukhapha uJose Riveiro kakuhle ngendebe njengokuba eza kubuyela eSpain ekupheleni kwesizini ka2024/25. Abadlali bePirates bakhuthazelike ngoba emva kokubetha iChiefs ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obuseFNB Stadium kwimpelaveki egqithileyo.
Ngaphezulu koko, iphinde yabetha iGolden Arrows ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obukule veki. Nakubeni kunjalo, abaqeqeshi bamaqela omabini bayazi ukuba umdlalo ozayo wahlukile kweminye ngoba kudibana amaqela amakhulu nanembali enzulu ebholeni.
Xa kudibene iChiefs nePirates kuma ngxi yonke into eMzantsi Afrika. Nakulo umdlalo kulindeleke kube njalo, kakhulu ngoba ngumdlalo wendebe. UNasireddine Nabi kunyanzelekile aqwebe amaqhinga amatsha okuwisa iPirates ukuze iChiefs ixolise izigidi zabalandeli ezineengcwangu ngenxa yokungaqhubi kwayo kakuhle nakwisizini eqaleni ngokuthembisa.
UNabi uza kubeka ithemba lakhe kubadlali abafana noGaston Sirino, uWandile Duba, Ashley Du Preez noGlody Lilepo. Lithuba lokugqibela lokuvuka kweChiefs, ukungaqhubi kwayo kakuhle kwabaninzi okukhathaza abantu abaninzi.
Izono zayo iChiefs zingaxolelwa ukuba ingabetha iPirates iphakamise indebe. Kanti kwelinye icala, uRiveiro uza kulwa ngabadlali abafana noMohau Nkota, uEvidence Makgopa, uRelebohile Mofokeng noSipho Chaine. URiveiro ufuna ukubetha iChefs okwesithandathu uuze ahambe kwiPirates ephakamise enye indebe.
Related Topics: