UNkululeko Lekhoehla yintshatsheli entsha yeBuffalo City Marathon.
Image: Uthunyelwe
Ngomhla wokuqala kule nyanga kaCanzibe, iimbaleki ezizimeleyo nezamaqela ohlukeneyo bezidibene eMonti - apho ziqhumiselene ngothuli kugqatso ekuthiwa yiBuffalo City Marathon. Phakathi kweembaleki ezithathe inxaxheba bekukho uNkululeko Lekhoehla obalekela iqela leembaleki ekuthiwa yiKomani Runners Club.
ULekhoehla ubhale iincwadi zembali ngokuba yintshatsheli entsha yeBuffalo City emva kokuba ebaleke ixesha eliziiyure ezimbini ezinemizuzu elishumi elinesibhozo nemizuzwana (02:18:15). Umsebenzi omhle owenziwe nguNkululeko, 24, awubothusanga oogxa bakhe kwiKomani Runners Club ngoba yimbaleki ezimiseleyo futhi esenekamva eliqaqambileyo.
Ithuba lokuziqaqambisa komnye wemidyarho yeembaleki ephambili kwiphondo leMpuma Koloni lifike eseshushu uNkululeko obesuka eKapa - apho abaleke khona iTwo Oceans Marathon ebalekwa ziimbaleki ezisemgangathweni eziphuma kwihlabathi lonke. Ngoba umsebenzi awenze kwiTwo Oceans ubuyinxalenye yamalungiselelo wakhe, khange aziqobe ngokujima kakhulu phambi kokuya kwiBuffalo City Marathon.
"Ndonwabe kakhulu futhi ndinombulelo ongazenzisiyo," utshilo uLekhoehla encokola neli phephandaba ekuqaleni kwale veki. Uye eMonti enenjongo yokwenza umsebenzi njengezinye iimbaleki ezithathe inxaxheba. Bekufunqukile ukuzithemba kuye emva kokubaleka iTwo Oceans Marathon.
"Kodwa ngoba bekufuneka agcine umzima wakhe ukwisimo esilungileyo, uye wajima elinganisela umsebenzi ebeza kuwenza eMonti. "Khange ndizibulale ngokujima ngoba bendisuka kwiTwo Oceans. Into endiyenzileyo kukuziqhelanisa nomgama weBuffalo Marathon," itshilo imbaleki ebizilolonga eCala. UNkululeko uvumile ukuba umdyarho asuka kuwo ubunayo indawana yobunzima ngoba ebekhuphisana nezinye ezizimiseleyo.
Impumelelo uyifumene ekugqibeleni ngoba uncedwe ngamava awazuze emidyarhweni yeembaleki emikhulu nangenxa yenkxaso enkulu ayifumene kubaqeqeshi bakhe nasebantwini abebebukele endleleni. Uthe uza kuthatha ikhefu ude umzimba wakhe ululame emva kokubaleka imidyarho emide ilandelela.