UGaston Sirino uthi iKaizer Chiefs iza kudlalela ukuyibetha iPirates emdlalweni weNedbank Cup ngempelaveki.
Image: Independent Media
Njengokuba kusongwa enye yeesizini ezimbi kwiKaizer Chiefs eduda ndawonye, uGaston Sirino uthi lisekhona ithuba lokulungisa okonakeleyo ngempelaveki. USirino ukuthethe oku enkampini eNaturena - apho iChiefs ilungiselela khona ukudibana ne'Orlando Pirates emdlalweni wokugqibela weNedbank Cup oza kube useMoses Mabhida Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.
Lo mdlalo weNedbank ozayo ufika Amakhosi esazikhotha amanxeba emva kokubethwa ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obuseGoli kwimpelaveki egqithileyo. Nangona Amakhosi ephose amathuba amaninzi okuphumelela iindebe ekuqaleni kwesizini ethambekileyo, ngokutsho kukaSirino, umdlalo wangomgqibelo ngowokulungisa iimpazamo azenzileyo ebudeni besizini.
USirino, ofike kunyaka ophelileyo, ngomnye wabadlali abadala futhi abanamava ekulindeleke ukuba ancede iChiefs xa idibana nePirates emdlalweni ekunyanzelekileyo iwuphumelele. Impumelelo enokufunyanwa yiChiefs uyichaze njengento engenza umahluko omkhulu.
"Encokweni yam nonkosikazi, ndithe kuye impumelelo esingayifumana inganomahluko apha kwiChiefs. Ndandikhe ndayiphumelela iNdebank Cup - kodwa le ikhethekile kum. Ndifuna ukulwela ukwenza imbali. Ukudlala kakuhle kwethu kuza kunceda kumalungiselelo wesizini ezayo," utshilo uSirino ethetha noonondaba eNaturena ekuqaleni kwale veki.
USirino uqale kakuhle kwiChiefs - kodwa umsebenzi wakhe uye waphazanyiswa ngamakhadi nokonzakala okukhe kwamphatha kakubi. Uvumile ukuba iChiefs ayiqhubanga ngendlela ebilindelekile kule sizini iphelayo. Emva kokubethwa yiPirates emdlalweni ogqithileyo, iChiefs ihleli kwindawo yeshumi.
Ihleli endaweni embi ngoba ayikwazanga ukuphumelela emidlalweni esixhenxe ilandelelana kwiBetway Premiership. "Ngamanye amaxesha siqhuba kakuhle, ngamanye singaqhubi kakuhle. Kodwa ndifuna ukuthi ziimpazamo ezenziwe sithi. Kufuneka silwele ukuphumelela iNedbank Cup ngoba oko kungaguqula yonke into eyenzekileyo," utshilo uSirino.
Related Topics: