Ezemidlalo

Ucele uxolo uKagiso Rabada esikiweyo kwiqakamba

Pedro Mapelo|Published

UKagiso Rabada ngumdlali ophambili kwiqakamba yehlabathi.

Image: CSA/Facebook

Omnye wabadlali abaphambili kwiqakamba yehlabathi, uKagiso Rabada, ucele uxolo kubo bonke abalandeli beqakamba emva kokuzibhaqa esengxakini. Ngempelaveki egqithileyo, uRabada ukhuphe ingxelo ethi kubhaqwe ichiza elingavumelekanga emzimbeni wakhe mva kokwenziwa uvavanyo kutshanje.

Ngenxa yeso sizathu, abaphethe umdlalo weqakamba baye bathatha isigqibo sokumnqumamisa okwethutyana. Ingxelo ivela enethuba ebuyele eMzantsi Afrika esuka e-India apho adlala khona. "Ndixolisa kakhulu," utshilo uRabada, 29, odume ngokujula ibhola yeqakamba kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika.

Ingxelo ekhutshwe ngumbutho wabadlali beqakamba, iSouth African Crickers' Association, idize ukuba uRabada wabuyela ekhaya kwinyanga ephelileyo ngoba kwafunyanwa emzimbeni wakhe ichiza elingavumelekanga emdlalweni weqakamba.

Nakubeni kungatshiwongo ukuba luhlobo luni lechiza elibhaqwe kuRabada - kodwa amahumhum athi kunokwenzeka ukuba usebenzisa intsangu. Akukacaci ukuba uRabada uza kubuyela nini na kwi-Indian Premier League njengokuba esathe khebevu ekhaya.

"Njengoko sekuxeliwe ukuba ndibuyele eMzantsi Afrika ngenxa yezizathu ezichaphazela mna. Oku kubangelwe kukusebenzisa ichiza lokuzonwabisa. Ndicela uxolo kubo bonke abantu endibaphoxileyo. Andinakuze ndilithathe kancinci ithuba endilifumeneyo lokudlala iqakamba.

Ndisanqunyanyisiwe okomzuzwana - kodwa ndiza kubuyela ebaleni kungekudala ndidlale umdlalo endiwuthandayo. Ndibulela wonke umntu oyiqondayo imeko yam," utshilo uRabada. Nayo iCricket South Africa iqinisekisile ukuba ngokwenene uRabade ubuyele ekhaya ngenxa yechiza elibhaqwe emzimbeni wakhe. Ikuchaze okwenzekileyo njengento engathandekiyo.

"Nakubeni kunjalo, uRabada uyiqinisekisile iCricket South Africa ukuba uzibophelele ekugcineni umdlalo weqakamba umsulwa. "Sizimisele ukugcina umdlalo weqakamba ungenalo ichaphaza. Sifuna ukukhumbuza bonke abadlali beqakamba ukuba mabahloniphe imithetho ngamaxesha onke," itshilo iCricket South Africa.