Amakhosi abethwe yiPirates emdlalweni weBetway Premiership
Image: Independent Media
Emva kokuphulukana nemidlalo ilandelelana, i'Orlando Pirates ivuke ngeKaizer Chiefs eyintywilisele ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eFNB Stadium emalanga namhlanje.
Impumelelo yanamhlanje ithethe ukuthi iChiefs ibethwe kane yiPirates phantsi kukaJose Riveiro ohambayo ekupheleni kwesizini. Kwelinye icala, ukubethwa kweChiefs kucuthe ngakumbi ithemba lokungena kwayo kwiTop-8 emva kokungaphumeleli namnye umdlalo kwesixhenxe ilandelelana.
Emva kwesiqingatha sokuqala ebesivutha bhe, amaqela aye kwixesha lokuphumla ebambene ngegowuli elinye macala eFNB Stadium ebegcwele abalandeli bebhola ekhatywayo. Amakhosi azicacise kwangoko into ayifunayo emdlalweni.
UGlody Lilepo ubhakuzelise umnatha emzuzwini wesibini emva kokuba edlalelwe ibhola entle nguDillan Solomons ongene phakathi kwabadlali bePirates ngesantya esiphezulu. Emva koko iChiefs iwulawule umdlalo abadlali bePirates bengabonakali kakuhle ebaleni. Emzuzwini weshumi elinesihlanu, iPirates iphose ithuba elihle likulinganisa.
Kodwa khange kube kudala, uMakgopa ufake igowuli emva kokufumana ibhola entle kuMohau Nkota odlule kuBradley Cross. Emva kwemizuzu embalwa, uBruce Bvuma uthintele ibhola ebingqutywe ngentloko nguTapelo Xoki esebhokisini.
UMakgopa ufumene elinye ithuba lokongeza - kodwa ngelishwa lakhe, ibhola yakhe iphume ecaleni inguye phambi kukanozinti. Nakubeni uSipho Chaine evale ibhola embi sekuphela ixesha - kodwa iPirates idlale ngcono emva kokufumana igowuli layo.
Amakhosi akadlalanga kakuhle konke konke kwisigaba sesibini. Bekunzima nokufika ezipalini zikaChaine. Ukungahlaseli kwawo kunike Amandla iPirates engakhange iyeke ukuzama igowuli lesibini.
Livelile emzuzwini wamashumi amathandathu anesibhozo ngethuba uRelebohile Mofokeng efaka ibhola emnatheni. Kude kwaphela ixesha lomdlalo iChiefs ingakwazanga ukufumana igowuli lokulinganisa. La maqela mabini aza kudibana eThekwini kwiveki ezayo emdlalweni weNedbank Cup.
Related Topics: