Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uNasreddine Nabi, ethetha neentatheli phambi kwedabi laseSoweto eliza kube liseFNB Stadium.
Image: Independent Media
Abalandeli bebhola ekhatywayo abaphuma kumaphondo onke oMzantsi Afrika baza kudibana eFNB Stadium, eSoweto - apho iKaizer Chiefs iza kwamkela i'Orlando Pirates emdlalweni weBetway Premiership ngentsimbi yesithathu emalanga ngomso.
Lo ngumdlalo wezangxa zebhola ekhatywayo ekulindeleke ukuba wahlule ilizwe phakathi. Abaphathi beFNB Stadium makuvala kwiiveki eziphelileyo ukuthengiswa kwamatikiti ngoba inani abalifunayo ebaleni balifumana kungaphelanga neentsuku ezimbini.
Omabini amaqela aya emdlalweni wangomso eqhwalela emva kokubethwa emidlalweni egqithileyo. Kodwa nakubeni kunjalo, umdlalo wona kulindeleke utake iintlantsi njengesiqhelo. Amakhosi abethwe yiMarumo Gallants ngamagowuli amabini kwelinye kutshanje kwakubi kubalandeli abagxeleshe iTop-8 echasele okwelanga.
Kanti akukuhlanga nakuyo iPirates ngoba ikhutshwe yiPyramids ngo'3-2 kwiCAF Champions League. Phakathi kule veki, iPirates ithunukwe yiSekhukhune United ephumelele ngegowuli elinye. La maqela mabini aza kudibana etshatshalazeni iiveki zilandelelana. Kwiveki ezayo eza kube eseThekwini - apho aza kuxikixana kwiNedbank Cup.
UNasreddine Nabi akafunanga ukuyichaza indlela iChiefs eza kuqubisana ngayo nePirates emdlalweni wangomso. Kodwa uvumile ukuba iPirates iphumelele, akukho mntu oza kothuka. "Ukuba iChiefs iphumelele ngoMgqibelo, ngeke indothuse lo nto," utshilo uNabi, mhlawumbi ozama ukuveza ukuba amakhwenkwe wakhe aza kudlalela ukuphumelela.
"Ngokufanayo, ukuba iPirates iphumelele - ngeke isothuse lo nto ngoba kudibana amaqela ebhola ekhatywayo amakhulu eMzantsi Afrika," utshilo uNabi ophantsi koxinizelelo ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo.
Amakhosi aza kunyuka umnqantsa ngoba iPirates zange yabethwa yiChiefs iqeqeshwa nguJose Riveiro. Abadlali baza kulwela ukuphumelela ukuze ahambe encumile njengokuba eza kuyishiya iPirates xa kuphela isizini yePremier Soccer League eqhubekayo.
Related Topics: