UMnu. Lubabalo Oscar Mabuyane uthathe ithuba lakhe wakhuthaza abadlali beJunior Boks phambi kwemidlalo eseGqeberha.
Image: Facebook
Kulindeleke ukuba bonwabele umbhoxo osemgangathweni ophezulu abantu baseGqeberha xa kudibana amazwe aliqela kwitumente ekuthiwa yiSANZAAR. Amaqela aza kuthatha inxaxheba aza kukhokelwa nguMzantsi Afrika (SA Under-20) kubekho iAustralia, iArgentina neNew Zealand.
Le midlalo eza kubanjelwa eNelson Mandela Bay Stadium ukusukela ngomhla wokuqala kwinyanga kaCanzibe ukuya ngomhla weshumi elinanye. Onke amaqela agalelekile eGqeberha - apho kuqala imidlalo ngomso (Lwesine).
Umqeqeshi weJunior Springboks, uKevin Foote, uthe bonke abadlali bakhe bonwabile futhi bangxamele ukudlala umdlalo wokuqala eNelson Mandela Bay Stadium. Kunyanzelekile uMzantsi Afrika uzimisele ngoba uza kudibana nabadlali bamazwe alushica futhi anembali entle emdlalweni wombhoxo.
UFoote uxelele amajelo eendaba ukuba amalungiselelo ahamba kakuhle. "Samkelwe ngezandla ezishushu eGqeberha emva kokufika kwethu satsho saziva sisekahaya," utshilo uFoote. Phantse zonke iindawo eziphantsi kweNelson Mandela Bay ziyaziwa ngokudlala umbhoxo nokuxhasa umbhoxo. Ngeke kubekho ngxaki kwiJunior Springboks kwicala lenkxaso njengokuba iza kuqubisana namazwe anzima.
"Into ephambili kuthi ngoku kukuqinisekisa ukuba wonke umntu uyayibamba into esiyifunayo. Abadlali bethu bonke baphilile futhi bakulungene ukudlala. Siza kuba nomsebenzi onzima kakhulu xa sikhetha abadlali abaza kudlala," utshilo umqeqeshi weJunior Springboks. Ngomhla wokuqala, iNew Zealand iza kuthatha noomakhelwane bayo iAustralia emdlalweni oza kugabula izigcawu.
Emva koko iJunior Boks idibana neArgentina emdlalweni ongentsimbi yesine. Abadlali boMzantsi Afrika bafumene icham lokutyelelwa yinkokeli yephondo leMpuma Koloni, uMnu. Lubabalo Oscar Mabuyane. Ubamkele abadlali batsho ebakhuthaza phambi kokumela ilizwe labo. Emva koko ucele abathandi bombhoxo bonke ukuba baxhase uMzantsi Afrika emidlalweni yeSANZAAR.
Related Topics: