Ezemidlalo

Amatsatsantsa afuna ukubetha iChippa aphephe izembe elijingayo

Pedro Mapelo|Published

uAndre Arendse unethemba lokuba Amatsatsantsa aza kuuwafumana amanqaku anokuwanceda aphephe izembe.

Image: Facebook

Njengokuba isizini isondela esiphelweni, libi kakhulu idabi phakathi kwamaqela asemsileni. Phakathi kwayo kukho iSuperSport United engaqhubanga kakuhle konke konke kule isizini. Umqeqeshi wayo wethutyana, uAndre Arendse uvumile ukuba izinto emva kokuba iSuperSport United ibambene nePolokwane City ngegowuli elinye emdlalweni weBetway Premiership kwimpelaveki egqithileyo.

Ngoku iSuperSport ikwindawo yeshumi elinesine - kodwa iyalingana neCape Town City ngamanqaku ekwindawo yeshumi elinesihlanu. Ukungafumani amanqaku apheleleyo kuyenze yaphoswa lithuba lokuphefuma - kodwa okunika ithuba kukuba isenemidlalo emininzi engekayidlali kunamanye amaqela.

Ngokutsho komqeqeshi, Amatsatsantsa aza kulwela amanqaku apheleleyo xa edibana neChippa United ngo-17:54 ngoMgqibelo, ePolokwane. "Andilithandabuzi iqela esinalo futhi wonke umntu uyabona indlela elidlala ngayo. Siza kulwa emdlalweni ngamnye. Ayikho indlela enqumlayo, kufuneka silwe," utshilo uArendse.

IChippa iya ePolokwane idinga amanqaku nayo ngoba ilwela ukubethelela indawo yayo kwiTop-8 ekuyo ngoku. "Sinemidlalo eliqela esijongene nayo. "Ndicinga ukuba asibanganalo ithamsanqa emidlalweni egqithileyo kodwa siyaqonda ukuba yonke into esiyifumanayo kufuneka siyisebenzele. Ayikudala impumelelo kuthi. Umdlalo esiza kuwudlala neChippa usinika kanye elo thuba," utshilo uArendse.

Amatsatsantsa ayaqala ukuzibhaqa esengxakini akuyo kule esizini emva kweminyaka ephakathi kwamaqela alwela iindebe eMzantsi Afrika. UThabo September uza kuya emdlalweni wangempelaveki enethemba lokubuya nento. Ayingomdlalo oza kubalula - kodwa kunyanzelekile ukuba iChippa ibuye namanqaku amathathu okanye elinye ukuze yandise amathuba wayo kwiTop-8 ekutsalwana ngayo ngamaqeka amanintsi.