Ezemidlalo

UNasreddine Nabi uveza ingxaki ajamelene nayo kwiKaizer Chiefs

Pedro Mapelo|Published

UNasreddine Nabi uvakalise ukungonwabi kwakhe emva kokuba Amakhosi ebethwe yiMarumo Gallants emdlalweni weBetway Premiership ubuseFNB Stadium.

Image: KC/WhatsApp

Njengokuba isizini yeBetway Premiership isondela esiphelweni, yona iKaizer Chiefs ayiqinisekanga nokuba iza kuyivala indawoni. Le yingxaki ebangelwe kukungaphumeleli kwayo emidlalweni emithandathu eyidlalileyo ilandelelana. UNasreddine Nabi uvumile ukuba indlela edlala ngayo iChiefs ayimkholisi futhi ichaphazela neziphumo zemidlalo yayo.

Sekwaphela ibhongo kubalandeli ababenethemba ekufikeni kukaNabi phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo ngoku. Kwisizini edlulileyo, iChiefs ihlaze abalandeli bayo ngokuvala isizini ikwindawo yethoba. Ikulo ngxaki nakule isizini ngoba isadlala ngendlela efanayo.

Emidlalweni engamashumi amabini anesihlanu, Amakhosi aphumelele esibhozo kuphela, adlala ntanganye kwemithandathu aze abethwa kalishumi elinanye. Kule sizini iphoswe yiMTN8, iCarling Knockout Cup nakwiBetway Premiership eyiqhubanga kakuhle. Nakubeni kunjalo, isekhona iNedbank Cup engayiphakamisa ukuba iyibethile iPirates emdlalweni wokugqibela.

Emdlalweni obungempelaveki egqithileyo, iChiefs ibethwe yiMarumo Gallants ngamagowuli amabini kwelinye eFNB Stadium. Ngowona mdlalo obulele intlantsi yethemba lokungena kwiTop-8. UNabi uthe imeko ekuyo iChiefs imbi kwaye khange abenawo nomdla wokukhangela isebe lokuzimela ngoba iziphumo zibhenca konke.

"Imeko embi, kubalulekile ukuyamkela lo nto. Eyona nto imbi kakhulu ngaphezulu kweziphumo yindlela esidlala ngayo," utshilo umqeqeshi edandathekile emva komdlalo ogqithileyo. "Sikwimeko esikuyo ngoba asidlali kakuhle. Kwiiveki ezigqithileyo besikade sithetha ngokuba sidala amathuba esingawasebenzisiyo - kodwa izinto zimbi ngakumbi ngoku," utshilo uNabi.

Amakhosi alungiselela ukudibana nePirates eyophisayo emva kokubethwa yiPyramids kwiCAF Champions League kwiveki ephelileyo. Ngumdlalo weBetway Premiership obalulekileyo kwiChiefs nakwiPirates ngokulinganayo. IPirates isukela iSundowns, yona iChiefs ilwela ukungena kwiTop-8.