Ezemidlalo

UJose Riveiro uphokoze imbilini yakhe ngokukhutshwa kwePirates kwiChampions League

Pedro Mapelo|Published

Ibuyele ekhaya i'Orlando Pirates ebethwe yiPyramids emdlalweni weCAF Champions League kwimpelaveki egqithileyo.

Image: OP/Facebook

Emva komdlalo obubaluleke kakhulu kuye, uJose Riveiro uxelele iintatheli ukuba kunzima ukwamkela ukuba i'Orlando Pirates ikhutshiwe kwiCAF Champions League. URiveiro uphalaze imbilini yakhe ngokwenzekileyo emva kokuba iPirates ibethwe yiPyramids ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe e30 June Stadium ngoLwesihlanu ogqithileyo, eCairo, eYiphutha.

Omabini amaqela aye emdlalweni enethuba lokuya kowokugqibela ngoba zange kubekho eliphumeleleyo emdlalweni wokuqala. Noxa uRelebohile Mofokeng noMohau Nkota bezamile ukuyibeka endaweni entle iPirates - kodwa uFiston Mayele uphikelele ngokuyinceda iPyramids emdlalweni obalulekileyo.

Ziphanzile iinzame zePirates zokuphakamisa indebe emva kokudlala kakuhle kakhulu kwisizini esongwayo yeChampions League. Abantu abaninzi bebenethemba lokubukela umdlalo wokugqibela phakathi kwamaqela walapha eMzantsi Afrika odwa emva kokuba iMamelodi Sundowns ibambene neAl Ahly ngegowuli elinye macala yadlulela phambili.

"Siyavuyisana nePyramids eya emdlalweni wokugqibela. Ndiwuqhwabela izandla umsebenzi owenziwe liqela lethu kule sizini," utshilo uRiveiro engonwabanga emva komdlalo. "Sikhutshwe kukhuphiswano ebesiqala ukubethwa kulo kule sizini.

"Kunzima ukwamkela ezi ziphumo. Siza kudinga ithuba lokuzetyisa iziphumo ezibi njengezi," utshilo umqeqeshi wePirates ethetha neentatheli emva komdlalo eCairo. Ubancomile abadlali bake ababini, uMofokeng noNkota, abazamileyo ukunceda iPirates ngamagowuli emdlalweni.

"Sidlale kakuhle kakhulu kulo mdlalo ngoba besidibene neqela elidlale kakuhle nalo. Asikwazanga ukuvala amazibuko izihlando ezibini emva kokuhamba phambili. Ifumene amagowuli okulinganisa iPyramids ngoba asikwazanga ukuzikhusela. Yeyona nto esibethileyo emdlalweni.

"Kwelinye icala ndiyaziqhenya - kodwa kwelinye kubi ngoba sibethiwe. Siphumile kwiCAF Champions League emva kokwenza umsebenzi omkhulu. Siyaziqhenya ngomsebenzi esiwenzileyo," utshilo uRiveiro ophoswe yeyona ndebe ebifunwa kakhulu yiPirates.