Abadlali beStellenbosch FC bekhedamile emva kokuba bengalifumananga igowuli kwiSimba SC emdlalweni weCAF Confederation Cup izolo eThekwini.
Image: Stellenbosch/Facebook
Noxa izinto zingayihambelanga kakuhle iStellenbosch FC emdlalweni obungempelaveki egqithileyo - kodwa uSteve Barker ubancomile kakhulu abadlali bakhe. Oku kulandela emva kokuba iStellies idlale ntanganye ngeqanda neSimba SC emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium izolo emalanga.
Bekunyanzelekile iqela laseNtshona Koloni ukuba liphumelele ukuze likwazi ukuya phambili ngoba labuya liqhwalela eTanzania emva kokuba labethwa ngegowuli elinye emdlalweni wokuqala. Ngelishwa elikhulu, indlela yeStellenbosch iphelile - kodwa izamile kakhulu.
Bekukho ithemba lokuba amaqela aseMzantsi Afrika aya kuya onke kwimidlalo yokugqibela yeCAF. Akubanga njalo ngoba iPirates ibethwe yiPyramids ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni weCAF Champions League obuseCairo ngorhatya loLwesihlanu ogqithileyo.
Okuhle kukuba yona iMamelodi Sundowns ikwazile ukudlulela phambili emva kokuba ibambene neAl Ahly ngegowuli elinye macala emdlalweni weChampions League. UBarker uvuyisene neSimba SC eqeqeshwa nguFadlu Davids walapha eMzantsi Afrika.
"Yah, kunzima ukuzamkela iziphumo ezinje. Khange ndifumane thuba lokubona okwenzekileyo kwiVAR," utshilo uBarker emva kokuba iqela lakhe lingazuzanga kwiVAR emdlalweni ogqithileyo. "Kudala ndayifuna iVAR nalapha kwiPSL yethu noxa ingasincedana kulo umdlalo.
"Ndiyavuyisana neSimba ephumeleleyo. Sizamile ukufumana igowuli emdlalweni asaphumelela. Andikwazi ukusola iinzame zabadlali gob sithi abadale amathuba namhlanje," utshilo uBarker. "Sidlale namaqela amakhulu e'Afrika aquka iSimba, iZamalek neBerkane. Ndicinga ukuba wonke umntu ubonile ukuba siyakwazi ukumelana namaqela amakhulu.
"Ndiyathemba ukuba iinzame zethu zibenze baziqhenya abantu baseMzantsi Afrika ngoba besiqala ukudlala kwiConfederation Cup. Indlela yethu iphelile - kodwa ndicinga ukuba sisiqalo solunye uhambo oluzayo," uvale ngaloo mazwi umqeqeshi weStellenbosch enethuba elihle lokudlala kwiConfederation Cup kwakhona kwisizini ezayo.
Related Topics: