IPirates ibethwe ngomzuzu wokugqibela yiPyramids emdlalweni weCAF Champions League obuse30 June Stadium.
Image: BackpagePix
Lohluthwe intlaka isemlonyeni iqela laseMzantsi Afrika emizuzwini yokugqibela eYiphutha. Oku kwenzeke emva kokuba iPyramids ibethe i'Orlando Pirates ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe e30 June Stadium namhlanje ebusuku.
Emva kokuba la aqela edlale ntanganye eSoweto kwiveki ephelileyo, namhlanje bekunyanzelekile ukuba kubekhona eliphumelelayo. Ngelishwa layo iPirates, ayikwazanga ukuyithintela iPyramids ebikelemile phambi kwabalandeli bayo.
Iqale ngokuhlasela iPirates kwimizuzu yokuqala yomdlalo. Bekubonakala ukuba uJose Riveiro uthe abadlali bakhe mabadlalele ukufumana igowuli ukuze ityhafe iPyramids. URelebohile Mofokeng ubhakuzelise umnatha kwangoko kwisigaba sokuqala.
Kodwa iPirates ayikwazanga ukuvala kakuhle emva. Ifolosi eyingozi kakhulu egama linguMayele ifake igowuli lokulinganisa. Omabini amaqela aye kwixesha lokuphumla ebambene - kodwa enawo amathuba okongeza amagowuli anokuwanceda emdlalweni.
Abadlali babuyele ebaleni behlaziyekile futhi bezimisele ukudlalela ukuphumelela. UMohau Nkota ufake igowuli lesibini lePirates emva kokuphehluzelisa abadlali bePyramids kakubi. Kwakhona, iPirates ayikwazanga ukukhusela iipali zayo ngethuba uRamadhan Sobhi efaka ihowuli elihle ngentloko.
UMayele uphinde wenza idemesha sekuphela ixesha lomdlalo. Iphume kanjalo iPirates ebiqala ukubethwa kwiChampions League. Ngoku iPyramids iza kudibana neSundowns edlule kwiAl Ahly ngorhatya namhlanje. UMdlalo wokugqibela uza kudlalwa ekupheleni kwenyanga kaCanzibe.
Related Topics: