Ezemidlalo

Ubinze ngomkhonto ekhaya oweAl Ahly wayiweza iSundowns ebisengxakini!

Pedro Mapelo|Published

ULucas Ribeiro weMamelodi Sundowns noAhmed Hashem weAl Ahly emdlalweni weCAF Champions League.

Image: Backpagepix

Idlulele phambili iMamelodi Sundowns emva kokufumana igowuli elibalulekileyo emizuzwini yokugqibela eCairo. Oku kwenzeke emva kokuba iSundowns idlale ntangaye ngegowuli elinye macala neAl Ahly emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eCairo International Stadium ngorhatya lwanamhlanje.

Emva kokubambana ngeqanda kwamaqela omabini emdlalweni wokuqala ePitoli, aye emdlalweni wesibini enamathuba alinganayo okuphumelela. Bekunyanzelekile lifumane igowuli emdlalweni iqela elifuna ukuya phambili kwiCAF Champions League.

Umdlalo ubumhle ekuqaleni kwawo - kodwa uphethwe yiSundowns njengesiqhelo. Abadlali beAl Ahly baye bahlala emva ngoba bebelumkele ukonzakaliswa nguLucas Ribeiro noMatthews. Khange kubekho mathuba amaninzi ngoba bekucace gca ukuba omabini adlalela ukungabethwa.

Kodwa emzuzwini wamashumi amabini anesine, uTaher Mohamed ubhakuzelise umnatha yatsho yahamba phambili iAl Ahly phambi kwezihlwele zayo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns ihamba emba ngegowuli.

Kuye kwanyanzeleka iSundowns izame ukufumana igowuli lokulinganisa. Bekunzima ngoba iAl Ahly ibiwavale onke amazibuko. Iphantse yabhaqa ipenela iSundowns - kodwa usompempe khange ayinike kuwiswe uRibeiro phakathi ebhokisini.

Kufakwe uThemba Zwane kukhangelwa indlela yokuqhekezwa kweAl Ahly. Emva kwakhe kungene uRayners noShalulile ngelizama ukuyinika amandla iSundowns ehlasele yade yenza impazamo embi iAl Ahly ephumele kowayo kwiCAF Champions League.