UDr Patrice Motsepe wamkele ngokutsha uAGL ongumxhasi omkhulu weCAF phambi kweAfrica CVup of Nations.
Image: BackPagePix
UMongameli weCAF, uPatrice Motsepe wenze amazwi ambalwa ngeKaizer Chiefs eza kudlala kwiCAF Confederation Cup kwisizini ezayo. Amakhosi azibekele indawo emidlalwenii yeCAF emva kokubetha iMamelodi Sundowns atsho azibekela indawo emdlalweni wokugqibela weNedbank Cup.
Ukuba iChiefs iyiphumelele iNedbank Cup, iza kuzingenela. Ukuba kuphumelele iPirates, iza kuthathelwa yiChiefs ngoba yona sekucacile ukuba iza kudlala kwiCAF Champions League nakwezayo isizini. UMotsepe uthethe ngeChiefs entlanganiswe abhengeze kuyo ukuvuselelwa kwesivumelwano senkxaso yenye yeenkampani ezisebenzisana neCAF ekuthiwa yiAfrica Global Logistics (AGL).
"Kundivuyisa kakhulu ukubona iKaizer Chiefs ibuyela kwiCAF Confederation Cup. Ayikho ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika ngaphandle kweKaizer Chiefs eqhuba kakuhle," utshilo uMotsepe owongeze ngelithi ukuthetha oku ngoba uhlonipha umsebenzi owenzika likhaya lakwaMotaung ebholeni ekhatywayo.
Kuba engafuni ukubonwa njengomntu onomkhethe, uMotsepe uye wayiqaphela nendima eyenziwe ngamaqela afana neGolden Arrows, AmaZulu FC namanye amaninzi. Amakhosi aqhuba kakuhle kwiCAF Champions League kunyaka awagqibela ngawo noxa abethwa yiAl Ahly emdlalweni wokugqibela.
Emva koko zange aqhube kakuhle phantsi kwabaqeqeshi abafana no-Arthur Zwane noCavin Johnson. Noxa naye uNasreddine Nabi etsala nzima - kodwa akufani ngoba ukwazile ukufikelela emdlalweni wokugqibela weNedbank Cup oza kudlalelwa eMoses Mabhida Stadium ngomhla weshumi kwinyanga kaCanzibe.
Emva koko uMotsepe wamkele ngovuyo ukuzibophelela kuka-AGL engumxhasi weCAF emcimbini obuzinyaswe yingqonyela uMnu. Philippe Labonne. "Kuluvuyo kuthi ukwazisa ukuzibophelela kwayo iAGL kwisivumelwano esitsha.
"Siyakholelwa ukuba ibhola ekhatywayo yinto engaphezulu komdlalo. Yinto enkulu kakhulu kwiCAF le yokusebenzisana nosapho lakwa-Aponte olungabanikazi beAfrica Global Logistics," utshilo uMotsepe onikwe ithuba lesibini lokukhokela iCAF kwinkomfa ebikwinyanga ephelileyo eMorocco.
Related Topics: