UCecilia Molokwane ongumongameli weNetball South Africa unqunyanyisiwe yiWorld Netball.
Image: Netball South Africa
UMongameli weNetball South Africa, uCecilia Molokwane, ufumene umyalezo othi unqunyanyisiwe yiWorld Netball - kodwa umnqa, akukho zizathu ezixeliweyo. Oku kuvakele ngempelaveki kothuka abantu abaninzi kwezemidlalo.
Le nto ibangele uMolokwane angakwazi ukuba yinxalenye yegqiza leNetball SA ebelibizwe ePalamente, eKapa - apho liphekwe lisophulwa ngemibuzo malunga nazo zonke izinto ezenzeka emdlalweni womnyazi eMzantsi Afrika. Iinkokeli zeNetball SA zibuziwe ngokusikwa kukaMolokwane - kodwa khange zikwazi ukuphendula ngoba azinazo iinkcukacha.
UMolokwane uthe ukulungele ukuzilwela kwiWorld Netball, into ayifunayo kukuba anikwe ithuba lokuzithethelela. Kwelayo icala iNetball SA ithe ayizazi izityholo ezibekwe umongameli wayo. "Into endiyicelayo kukuba ndinikwe ithuba lokuzithethelela kwizityholo endizibekwa ngabantu abangaziwayo," utshilo uMolokwane kwingxelo ekhutshwe yiTimes Live.
Kuthiwa incwadi ethunyelwe yiWorld Netball ithe izityholo ezityatyekwe uMolokwane zinobuzaza futhi makangathathi nxaxheba kwizinto zeNetball SA. UMolokwane ubethe ngenqindi phantsi ngelithi uza kulwela ukuhlamba igama lakhe. "Okwangoku, iWorld Netball ayikatsho ukuba yintoni le ndiyonileyo futhi andikabekwa tyala ngokusesikweni.
"Akukho nto endiyenzileyo enxaxhileyo emthethweni wombutho olawula umdlalo womnyazi futhi ndiza kuzilwela nakwesiphi na isityholo endibekwa sona. Ndingumntu okhokelwayo kwinkqubo enobulungisa. Ndicela nje kuviwe elam icala," utshilo uMolokwane ekuthiwa ufuna ukuba nguMongameli weNetball SA ityeli lesithathu.
Related Topics: