UTHALENTE Mbatha elalele imiyalelo yomqeqeshi wakhe emdlalweni weCAF Champions League.
Image: AFP
Omnye wabadlali abaphambili kwi'Orlando Pirates, uThalente Mbatha, uthi lisekhona ithuba lokulungisa izinto emdlalweni wesibini. UMbatha ukuthethe oku emva kokuba iPirates idlale ntanganye nePyramids emdlalweni weCAF Champions League obushushu eFNB Stadium kubusuku bangoMgqibelo odlulileyo.
Bekunyanzelekile iPirates iphumelele ukuze intingele eCairo inento eyiphetheyo esandleni xa isiya kwiPyramids eyinkathazo kakhulu phambi kwabalandeli bayo abaza kugcwalisa ibala. Emdlalweni ogqithileyo, iPirates inqandelwe yiVAR izihlandlo ezibini. IPyramids ikwazile ukufaka amagowuli nangona ethe akhatywa kamva yiVAR.
Emva kokudlala kakuhle eSoweto, iPyramids iya emdlalweni wesibini inamandla ngoba yeyona ekwazileyo ukudala amathuba kunePirates emdlalweni wokuqala. Abadlali bePirates kufuneka balungele impatho embi kubalandeli njengesiqhelo. Nasebaleni kufuneka balungele iziphithiphithi ngoba amaqela aseMantla eAfrika anomkhwa ombi wokungafuni ukuzamkela iziphumo ezibi.
Ukuba iBucs ingafumana igowuli kuqala emdlalweni, kungakuhle ngoba lo nto ingayinyanzela iPyramids ukuba ifumane amagowuli amaninzi ukuze iphumelele. Nakubeni umdlalo ozayo wahlukile - kodwa iPyramids ekhuthazekile kunePirates engakwazanga ukufumana amathuba amaninzi ebaleni layo.
Emidlalweni yeChampions League, iifolosi zeBucs kufuneka zisebenzise nelincinci ithuba elivelayo ngoba kuba nzima kakhulu. "Sike saya eCairo futhi saphumelela," utshilo uMbatha emva komdlalo obuseFNB Stadium. "Ndicinga ukuba ibingeyomini yethu. Amathuba siwafumene esingakwazanga ukuwasebenzisa. Oko sadlala le midlalo, asikabethwa," utshilo.
Besike saya eCairo sabuya neziphumo ezihle," utshilo uMbatha ethetha neentatheli emva komdlalo. Into ethembele ngayo iPirates kukuba iyakabthwa emidlalweni yeChampions League kule sizini. UMbatha uthe baza kudlalela ukuyiwisa iPyramids ebixakile eSoweto. IPirates ikwazile ukubethwa amaqela afana neCR Belouizdad, Al Ahly neMC Alger kwiChampions League.
Related Topics: