IStellenbosch FC izimisele ukulwela impumelelo xa idibana neSimba SC emdlalweni weCAF Confederation Cup.
Image: Backpagepix
Emva kokubuya isophisa eTanzania kule veki, iStellenbosch FC inomsebenzi onzima wokuguqula izinto emdlalweni ongempelaveki. Iqela laseNtshona Koloni liza kwamkela iSimba SC emdlalweni weCAF Confederation Cup ekulindeleke ukuba kudlane iintsimbi kuwo eMoses Mabhida Stadium emalanga ngeCawe.
Oku kulandela ukubethwa kwayo iStellenbosch ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obutaka iintlantsi kwibala ekuthiwa yiAmaan Stadium, eZanzibar, ngeCawe edlulileyo. Kwisigaba sokuqala, akubangakho qela elibhalisileyo ebhodini nakubeni amaqela ebesukelana ngendlela encomekayo.
Igowuli elifunyenwe yiSimba SC lidale ingxoxo ngoba ibhola igqithe emntwini obelalele futhi efuna ukuyifaka ngokwakhe. Usompempe obephethe umdlalo, uJean Jacques Ndala Ngambo, ulivumile igowuli emva kokuncediswa yiVAR. Eyona nto ebangele alamkele igowuli usompempe kukuba umdlali obelalele khange ayifumane ibhola ebihamba ngesantya esiphezulu.
Emva kokuzunywa yibhola enye emdlalweni ogqithileyo, u-Oscarine Masuluke, uthe iStellenbosch iza kulwela ukuyoyisa iSimba SC emdlalweni wesibini oza kube uKwaZulu-Natal. Nangona iSimba iqeqeshwa nguFadlu Davids walapha eMzantsi noyaziyo iStellenbosch - kodwa uMasuluke uthe umlo ozayo uza kube umkhulu kakhulu.
"Amaqela ahlaselene emdlalweni ogqithileyo futhi akukho qela ebilanamandla kunelinye. Iza kuba ngumlo weengonyama xa kudlalelwa ekhaya. Niza kuzibonela ngeCawe," utshilo uMasuluke. Akukho namnye umntu onokuthandabuza ukuzimisela kweqela likaSteve Barker ngoba ukufikelela kwalo kwisigaba elikulo kwiCAF Confederation ziziphumo zokuzimisela kwalo.
UMasuluke khange afune ukuthetha ngesigqibo sikasompempe oncediswe yiVAR. "Ayikho into endifuna ukuyithetha ngegowuli elifakwe kuthi. Isigqibo sesikasompempe," utshilo uMasuluke emva komdlalo obukwimpelaveki edlulileyo. Kunyanzelekile iStellenbosch iphumelele ngamagowuli amabini ukuze iye emdlalwenii wokugqibela.
Related Topics: