Ezemidlalo

Ijongene nomsebenzi onzima iDowns emdlalweni oseCairo!

Pedro Mapelo|Published

Kulindeleke umlo omkhulu xa kudibana iMamelodi Sundowns neAl Ahly emdlalweni weCAF Champions League oza kube useCairo ngempelaveki.

Image: MS/Facebook

Umqeqeshi weAl Ahly, uMarcel Koller, ubethe ngenqindi phantsi ngelithi iza kudibana neembila zithutha iMamelodi Sundows emdlalweni oseCairo. UKoller uphalaze indlela aziva ngayo emva kokuba iAl Ahly igoduke iphaca emva kokubambana ngeqanda neSundowns emdlalweni weCAF Champions League obubanda eLoftus Stadium ngempelaveki egqithileyo.

Nangona iSundowns ibinamandla emdlalweni - kodwa yiAl Ahly ekwazileyo ukufumana igowuli eliye alavunywa ngusompempe emva kokuliqwalasela kwiVAR. Emdlalweni olandelayo, iAl Ahly izimisele ukukelema eCairo International Stadium ukuze ikwazi ukuya emdlalweni wokugqibela weCAF Champions League.

Njengeqela eliphumelele indebe yeChampions League ngaphezulu kunamanye amaqela eAfrika, iAh Ahly inamava futhi inabadlali abasemgangathweni ophezulu abangayinceda iqabele iqhina ejamelene nalo. Kodwa iSundowns ngumqobo omkhulu endleleni yeAl Ahly efuna shushu indebe. Eminyakeni emine yonke, iAl Ahly ayikwazanga ukuyibetha iSundowns.

Kufuneka uKoller akhuthaze abadlali bakhe kakhulu phambi kokudibana neSundowns elwela ukufumana indebe emva kokuyiphosa kwisizini edlulileyo. "Ngoba asikwazanga ukufumana igowuli apha, kufuneka sifumana amagowuli amabini eCairo. Abadlali ndibaxelele ukuba kufuneka sibeke iingqondo zethu ngokupheleleyo emdlalweni oza kube useCairo," utshilo uKoller ethetha neentatheli ePitoli.

UKoller uthe bazibonile iindawo abaza kuyibetha kuzo iDowns ukuze bafumane iziphumo ezihle. Nangona uMiguel Cardoso exelele iintatheli emva komdlalo ukuba iSundowns ingaphumelela eYiphutha, yena uDenis Onyango uvumile ukuba kuyingxaki ukungaphumeleli kwayo emdlalweni obuseLoftus Stadium.

Njengomdlali omdala futhi onamava emidlalweni yeCAF Champions, u-Onyango ukuqonda kakuhle ukubaluleka kokuphumelela umdlalo osekhaya. Amasandawana aza kungquzulana neAl Ahly ebaleni eligcwele amashumi asixhenxe amawaka abalandeli bebhola ekhatywayo.