Ezemidlalo

UNabi uzityande igila emva kokuphoxwa yiChiefs emdlalweni obuseGqeberha!

Pedro Mapelo|Published

UNasreddine Nabi khange akwazi ukufihla ukudana kwakhe emva kokuba iKaizer Chiefs ibambene neChippa United kwimpelaveki egqithileyo.

Image: Yanga Nothanga/Maya Images

Khange akwazi ukuyifihla indlela aphoxeke ngayo uNasreddine Nabi emva kokuba iKaizer Chiefs ingaqhubanga kakuhle emdlalweni obungempelaveki eGqeberha. Ukudana kwakhe kuvele emva kokuba iChiefs ibambene neChippa United ngeqanda emdlalweni weBetway Premiership olawulwe yiyo eNelson Mandela Bay Stadium ngorhatya lwangoMgqibelo odlulileyo.

Emva kokukhupha iMamelodi Sundowns kwiNedbank Cup, iChiefs ibuyele kwikakade layo lokungaphumeleli imidlalo ekhona amathuma. Ujongene nomsebenzi onzima uNabi ngoba abadlali bakhe abakhuthazeki lula njengabalandeli beqela ekuphele iveki bebhiyoza emva kokubetha iSundowns.

Amakhosi asahleli kwindawo yesibhozo kwiBetway Premiership - kodwa asikho isiqinisekiso sokuhlala kwiTop-8 kude kuphele isizini ngoba iChiefs ayiqhubi kakuhle emidlalweni yeBetway. Nangona iChippa ilwile kwelayo icala - kodwa nayo khange idlalele ukuphumelela umdlalo ngendlela ecacileyo.

UNabi uye wavuma ukuba iChiefs ibingakufanelanga ukuphumelela umdlalo. "Ndicinga ukuba umdlalo wona ubunzima xa ndithetha inyaniso. Kodwa ndiyafuna ukutsho ukuba khange sidlalele ukuphumelela emdlalweni wanamhlanje," utshilo uNabi edandathekile emva komdlalo.

Ukuba ebephumelele Amakhosi, ngekubekho umtsi oya phambili kwilinge lawo lokufumana indawo kwiTop-8 emva kokungayifumani kwisizini edlulileyo. "Ukuze siphumelele umdlalo bekufanele silwele ibhola ebaleni. Iingqondo zabadlali bezingekho semdlalweni.

"Ukuze uphumelele, kufuneka ubeke ingqondo yakho emdlalweni ngokupheleleyo. Sidinga indlela eyiyo yokudlala, hayi le yanamhlanje," utshilo umqeqeshi emva komdlalo odlulileyo. Amakhosi aza kujamelana neMarumo Galants emdlalweni weBetway Premiership olandelayo ngoMgqibelo.

Ngumdlalo onzima ngoba iChiefs iyoyiswa kukwenza into efunekayo imidlalo ivuma. Iza kulwa iMarumo Gallants ngoba isazama ukuqokelela amanqaku ukuze isinde ezembeni xa kuphela isizini eqhubekayo.