Ezemidlalo

UMpengesi ucaphule kwezikaDonald Trump ethetha ngeChippa United

Pedro Mapelo|Published

USiviwe Mpengesi exhagwe nguSodolophi weBuffalo City, uPrincess Faku, nabadlali beChippa United emva komdlalo wokugqibela eMonti kule sizini.

Image: Yanga Nothanga/Maya Images

Ukuba ucinga ukuba nguDonald Trump waseMelika kuphela ozincomayo, chith' utyiwe ngoba uzek'emzekweni uSihlalo weChippa United, uSiviwe Mpengesi. Emva komdlalo weBetway Premiership obuseGqeberha, uMpengesi uyincomile iChippa ebambene neKaizer Chiefs ngeqanda eNelson Mandela Bay Stadium.

Khange kubekho qela elikwazileyo ukufumana igowuli emdlalweni - kodwa uMpengesi uthe inqaku elinye lanele kuye xa iChippa idlala namaqela amakhulu njengeChiefs. Into emncumise kakhulu kukuba iChippa ayikho sengxakini yezembe nakule isizini.

Nakubeni isahleli kwindawo yethoba emva kweChiefs, uThabo September uthe baza kusebenzela ukufumana amanqaku emidlalweni elandelayo ukuze iChippa ingene kwiTop-8. Umsasazi weDStv ubuze uMpengesi ukuba uziva njani ngokunika umqeqeshi osakhulayo ithuba lokuqeqesha.

Uphendule wenjenje ebobotheka luncumo: "Andiqondi ukuba ukhona uSihlalo onike abaqeqeshi balapha amathuba okuqeqesha ngaphezulu kwam." UMpengesi unegama elibi kwelinye icala ngoba wafika kwiPSL wangoyena mntu ogxotha kakhulu abaqeqeshi.

UMpengesi unike uSeptember uxanduva lokukhokela iChippa United ekuthambekeni konyaka ophelileyo emva kokuhamba kukaKwanele Kopo ekwathiwa akafunanga ukwandisa isivumelwano sakhe sengqesho. Ngelo xesha kwakukhula uxinizelelo ngenxa yokugqwidiza kweChippa.

Kodwa emva kwakhe uSeptember ukwazile ukuyizama iChippa yade yasuka emeveni. UMpengesi uwuncomile umsebenzi owenziwe yiChippa United kule sizini, ngakumbi emidlalweni eyidlalele ekhaya. "Ndicinga ukuba liqhube kakuhle iqela kule sizini. Inqaku elinye kuthi sidlala neChiefs yinto enkulu.

"Ikhona into ebonakalayo kule sizini ebesinethemba layo kakade. USeptember ndamnika umsebenzi emva kokuhamba kukaKopo, ngoku silwela ukungena kwiTop-8. Siyawuncoma umsebenzi wakhe futhi likhona ithemba lesizini entle," utshilo uMpengesi oye waqinisekisa ukuba uza kumgcina umqeqeshi.

Uthe iqela lakhe kufanele ukuba lilwela iindebe ngoba kudala likwiPSL - kodwa kunyaka ophelileyo wayethe into ayifunayo kukuba iChippa ihlale kwiBetway. IChippa iza kudibana neStellenbosch emdlalweni olandelayo kwiveki ezayo eKapa.