Ezemidlalo

UMiguel Cardoso uqinisekile ngokuphumelela kweSundowns emdlalweni wesibini

Pedro Mapelo|Published

UMiguel Cardoso uthi uqinisekile ukuba iMamelodi Sundowns iza kuwenza umsebenzi eCairo ngempelaveki emdlalweni weCAF Champions League.

Image: Itumeleng English/Independent Newspapers

Nangona iMamelodi Sundowns ingakwazanga ukuphumelela ekhaya, uMiguel Cardoso unethemba leziphumo ezihle emdlalweni wesibini. Oku ukuthethe emva kokuba iSundowns ibambene ngeqanda neAl Ahly emdlalweni weCAF Champions League obudikidiki eLoftus Stadium emalanga ngoMgqibelo odlulileyo.

Bekunyanzelekile ukuba iSundowns izame ukuya emdlalweni wesibini igushe into esandleni - kodwa akwenzekanga nangona ibiyiyo ebinamandla kwizigaba zozibini zomdlalo ePitoli. Ukungagcwali kwabalandeli ebaleni yeyona nto angayithandanga uCardoso ngaphezulu kokungaphumeleli kweSundowns emdlalweni obalulekileyo.

Ayikwazanga ukufaka igowuli iAl Ahly emdlalweni ogqithileyo - kodwa ayanelanga lo nto ngoba iSundowns engakwaziyo ukufaka amagowuli iza kusokola xa idlalela eCairo ebaleni eligcweleyo. Nakubeni kunjalo, uCardoso uthi uqinisekile ukuba iqela lakhe liza kuwenza umsebenzi ekupheleni kweveki xa liphinda emva kwendlu neAl Ahly, eCairo.

"Kubalulekile ukungafakwa kwamagowuli kuthi kule midlalo," uqhayise ngelo umqeqeshi weSundowns ethetha kwiSABC Sport TV. Abanye abaqeqeshi bakubona njengento ebaluleke kakhulu ukuphumelela imidlalo esekhaya ngaphezulu kwayo yonke into.

Yena uCardoso unethemba lokuba amagowuli angavela eCairo. "Ukufaka amagowuli kubalulekile ndiyakwazi. Injongo yethu ibinye: besingafuni kufakwe igowuli kuthi. Sidlale ngcono kwisigaba sokuqala ngaphezulu kwesesibini. "Sizamile ukuwisa iAl Ahly emdlalweni ebesisazi ukuba amathuba za kunqaba. Besinawo amathuba okufaka amagowuli esingawasebenzisanga.

Kodwa ndicinga ukuba siza kuwenza umsebenzi eCairo emdlalweni wesibini," utshilo uCardoso. Umqeqeshi weal Ahly, uMarcel Koller, ubethe ngenqindi phantsi ngelithi iSundowns iza kudibana neembila zithutha phambi kwabalandeli ekulindeleke bagcwalise ibala. Nakubeni kunjalo, iAl Ahly ineminyaka eliqela ingakwazi ukubetha iSundowns.

UMiguel Cardoso uqinisekile ngokuphumelela kweSundowns emdlalweni wesibini