ORLANDO Pirates ibambene nePyramids emdlalweni weCAF Champions ubuseFNB Stadium namhlanje ebusuku. Itumeleng English/Independent Newspapers
Image: Itumeleng English/Independent Newspapers
Isinde cebeshu i'Orlando Pirates emlonyeni wengonyama namhlanje ebusuku. Umdlalo weCAF Champions League obuphakathi kwePirates nePyramids uphele kungekho qela eliphumeleleyo eFNB Stadium.
Nakubeni kube njalo, iPyramids igoduka idakumbile ngoba amagowuli wayo amabini akhatywe ngumncedisi kasompempe, iVAR. Omabini amaqela angene emdlalweni wanamhlanje enenjongo yokufumana impumelelo phambi komdlalo wesibini oza kube useYiphutha kwiveki ezayo.
UJose Riveiro uqale umdlalo wanamhlanje ngeefolosi ezimbini, uEvidence Makgopa noTshegofatso Mabasa. Ebexhokonxa ngabo phambili kuba ebefuna amagowuli - kodwa iPyramids yenze umsebenzi omkhulu ngoba ivale umthombo weebhola eziyingozi, uMofokeng noMaswanganyi.
UThalente Mbatha, owaziwa kakhulu ngokukhaba ibol ekude, uzamile nanamhlanje - kodwa ibhola yakhe ifikwe ethe qwa ezipalini unozinti wePyramids, uEl-Shenawy. Emva kwakhe kuzame uMaswanganyi okhabe ibhola yadlula ecaleni kwepali kancinci.
Kanye phambi kokuphela kwesigaba sokuqala, uFiston Mayele ubhakuzelise umnatha - kodwa yala iVAR nakubeni ibhola iqale entloko kaMbekezeli Mbokazi. Omabini amaqela ebenethuba lokulungisa iziphene kwisigaba sesibini emva kokuba esokuqala siphele lingekho elikwazileyo ukubhalisa ebhodini.
Iindwendwe bezinawo amathuba ezingawasebenzisanga kakuhle. UDeano Van Rooyen wenze umsebenzi omhle ngethuba echitha ibhola ebizanywe nguMostafa Fathy. Emva koko uMayele uqabelise ibhola esendaweni entle.
Kushiyeke imizuzu emihlanu emdlalweni, abadlali bePyramids bavuyele ibhola ebifakwe nguSodiq Awujoola eye kamva yakhatywa yiVAR ebonise ukuba ibhola iqale yabetheka esandleni phambi kokungena. Omabini amaqela asenomsebenzi onzima phambi komdlalo wesibini.
Kumnandi kwiPyramids ngoba iza kube ixhaswa ngabalandeli bayo kowayo. Okwesibini iyakwazi ukufaka amagowuli ebaleni layo. Njengokuba iBucs ikwazile ukuvala amazibuko ekhaya, kunyanzelekile ifumane igowuli lempumelelo eYiphutha.
Related Topics: