Ezemidlalo

IPirates iqubisana nePyramids eyingozi emdlalweni obalulekileyo

Pedro Mapelo|Published

UKapteni we'Orlando Pirates, u-Innocent Maela noJose Riveiro, bethetha neentatheli phambi kokudibana nePyramids emdlalweni weCAF Champions League oza kube useFNB Stadium namhlanje ngorhatya.

Image: Independent Media

UJose Riveiro namakhwenkwe wakhe kunyanzelekile ukuba baye emdlalweni bezilungiselele ngokupheleleyo ngoba baza kudibana neqela eliyingozi kakhulu. Emdlalweni weCAF Champions League obekelwe intsimbi yesithandathu ngorhatya, iOrlando Pirates iza kuzama ukuphumelela xa idibana nePyramids namhlanje eFNB Stadium, eSoweto.

Kunyanzelekile ukuba Ezimnyama ziqule de ziligangathe ngoba iPyramids inembali entle kwicala lokufaka amagowuli amaninzi emidlalweni yayo. Ayikabethwa iPirates kwiCAF Champions kule sizini - kodwa umdlalo uza kuba nzima ngoba idibana neqela ekungafakwanga gowuli kulo emdlalweni emine ilandelelana.

Ukuvala amazubuko kungafakwa gowuli kubalulekile kwiPirates emdlalweni wanamhlanje - kodwa kufuneka iphumelele phambi kokuya kwibala lePyramids emdlalweni wesibini. Umqeqeshi ubeke phambili into ethi kufanele kungafakwa nto kwiPirates ukuba ayikwazanga ukuphumelela umdlalo wanamhlanje.

"Kubalulekile ukungafakwa kwegowuli kuthi. Ngakumbi njengokuba silineqela elinabadlali abasemgangathweni ophezulu nabakwaziyo ukufaka amagowuli. Andingeke ndithi ukungafakwa kwegowuli kuthi sisiqinisekiso sempumelelo," utshilo uRiveiro ezithembile.

Oku kuza kwenzeka emva kokuba iPirates ikwazile ukudlulela phambili kwiNedbank Cup ebethe kuyo iMarumo Gallants emdlalweni obukwiveki ephelileyo. Kwisizini yakhe yokugqibela, uRiveiro angakuvuyela ukuya emdlalweni wokugqibela weCAF Champions League. "Iveki ephelileyo yeyona ebibalulekile kuthi kule sizini. Imidlalo egqithileyo isinike ithuba lokulwela iindebe.

"Umdlalo ngamnye esiwudlalayo ngou siza kuwuthatha ngathi ngumdlalo wendebe. Kunzima ukufumana amanqaku emdlalweni yeBetway Premiership futhi siyazi ukuba sijongene nemidlalo enzima ngoba akukho qela elifuna ukubethwa ngeli xesha lesizini. Ukuya emdlalweni wokugqibela weNedbank yinto enkulu futhi esiyivuyelayo. Izinto zisihambela kakuhle," utshilo uRiveiro.

IPirates iqubisana nePyramids eyingozi emdlalweni obalulekileyo